Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 4:1-6

4  Abafazi abasixhenxe baya kubambelela ndodeni-nye ngaloo mini,+ besithi: “Siya kudla isonka sethu size sambathe ezethu iingubo zokwaleka; kuphela nje masibizwe ngegama lakho ukuze kusuke ungcikivo lwethu.”+  Ngaloo mini oko uYehova akuhlumisayo+ kuya kuba kokokuhombisa nokozuko,+ yaye isiqhamo selizwe siya kuba yinto yokuqhayisa+ nento entle kwabo basindileyo bakwaSirayeli.+  Wothi ke oseleyo eZiyon noshiyiweyo eYerusalem, kuthiwe bangcwele kuye,+ bonke ababhaliweyo ngenjongo yokuba badle ubomi eYerusalem.+  Xa uYehova aya kube eligutyule ilindle leentombi zaseZiyon+ kwaye eluyalazile+ kwanophalazo-gazi+ lweYerusalem ngaphakathi kwayo ngomoya wokugweba nangomoya wokutshisa,+  kanjalo uYehova ngokuqinisekileyo uya kudala phezu kweendawo zonke ezimisiweyo zeNtaba yeZiyon+ naphezu kwendawo yayo yendibano ilifu emini nomsi, nokuqaqamba komlilo odangazelayo+ ebusuku;+ ngenxa yokuba phezu kwalo lonke uzuko kuya kubakho ikhusi.+  Kwaye kuya kubakho umnquba ongumthunzi kulophu+ lwasemini, noyindawo yokusabela nokusithela esiphangweni nasemvuleni.+

Umbhalo osemazantsi