I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 39:1-8

39  Ngelo xesha uMerodaki-bhaladan+ unyana kaBhaladan ukumkani waseBhabhiloni+ wathumela iincwadi nesipho+ kuHezekiya, emva kokuba evile ukuba wayegula kodwa wayephinde womelela.+  Ngoko uHezekiya waba nemihlali ngabo+ waza wababonisa indlu yakhe yobuncwane,+ isilivere negolide neoli yebhalsam+ neoli elungileyo nayo yonke indawo yakhe yokugcina izikrweqe+ nako konke okwafumanekayo kubuncwane bakhe. Akubangakho nto angababonisanga yona uHezekiya endlwini yakhe+ nakulo lonke ulawulo lwakhe.+  Emva koko uIsaya umprofeti weza kuKumkani uHezekiya waza wathi kuye:+“Aye athini na la madoda, yaye ebevela phi na ekuzeni kwawo kuwe?” Ngoko uHezekiya wathi: “Aze kum evela ezweni elikude, eBhabhiloni.”+  Yaye wahlabela mgama wathi: “Abone ntoni na endlwini yakho?”+ UHezekiya wathi: “Abone yonk’ into esendlwini yam. Akukho nto ndingawabonisanga yona kubuncwane bam.”  Ke kaloku uIsaya wathi kuHezekiya:+ “Live ilizwi likaYehova wemikhosi,  ‘Khangela! Kuza imihla, ekuya kuthi ngayo konke okusendlwini yakho noko kwaqwetywa ngookhokho bakho ukuza kuthi ga kule mini kuthwalelwe eBhabhiloni.’+ ‘Akukho nto iya kusala,’+ utsho uYehova.  ‘Yaye abanye boonyana bakho abaya kuphuma kuwe, abo uya kubazala, baya kuthatyathwa+ baze babe ngamagosa enkundla+ kwibhotwe likakumkani waseBhabhiloni.’”+  UHezekiya wathi kuIsaya: “Lilungile ilizwi likaYehova olithethileyo.”+ Yaye wahlabela mgama wathi: “Ngenxa yokuba kuya kuqhubeka kukho uxolo nenyaniso+ ngemihla yam.”+

Umbhalo osemazantsi