I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 36:1-22

36  Ke kaloku kwathi ngonyaka weshumi elinesine kaKumkani uHezekiya uSenaribhe+ ukumkani waseAsiriya+ wenyuka nxamnye nazo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaYuda waza wazithimba.+  Ekugqibeleni ukumkani waseAsiriya wathumela uRabheshake+ evela eLakishe+ ukuba aye eYerusalem,+ kuKumkani uHezekiya, nomkhosi wamajoni omkhulu, yaye wema ngxi ngakumsele+ wechibi eliphezulu+ kuhola wendlela wentsimi yomcoci weempahla.+  Ngoko uEliyakim+ unyana kaHilekiya, owayongamele indlu weza kuye, noShebhena+ unobhala noYowa+ unyana ka-Asafu+ owayegcina ingxelo.+  Ngako oko uRabheshake wathi kubo: “Khanincede, nithi kuHezekiya, ‘Utsho ukumkani omkhulu,+ ukumkani waseAsiriya,+ ukuthi: “Uthembele ngantoni na?+  Uthe (kodwa lilizwi lemilebe), ‘Kukho icebo namandla emfazwe.’+ Ke kaloku ukholose ngabani na, njengokuba undivukele nje?+  Khangela! Ukholose ngenkxaso yale ngcongolo ityumkileyo,+ iYiputa,+ leyo, ukuba umntu unokuxhathisa ngayo, ngokuqinisekileyo ingangena entendeni yakhe ize iyihlabe. Unjalo uFaro+ ukumkani waseYiputa kubo bonke abo bakholose ngaye.+  Ukuba kunokwenzeka uthi kum, ‘Sikholose ngoYehova uThixo wethu,’ asinguye na lowo uHezekiya ashenxise+ iindawo zakhe eziphakamileyo+ nezibingelelo zakhe, ngoxa esithi kuYuda neYerusalem, ‘Ufanele uqubude phambi kwesi sibingelelo’?”’+  Ke kaloku, khawuncede, ubheje+ nenkosi yam ukumkani waseAsiriya,+ ndokunika amawaka amabini amahashe ukuze sibone enoba unganako na ukubeka abakhweli kuwo.+  Uya kuthini na, ngoko, ukubujika ubuso berhuluneli enye yabakhonzi benkosi yam+ abangabona bancinane, ngoxa wena ukholose ngeYiputa ngeenqwelo nabakhweli-mahashe?+ 10  Ke kaloku andigunyaziswanga nguYehova na ukuba ndize kulonakalisa eli lizwe? UYehova uthe kum,+ ‘Nyuka nxamnye neli lizwe, uze ulonakalise.’”+ 11  UEliyakim+ noShebhena+ noYowa+ bathi kuRabheshake:+ “Khawuncede, uthethe kubakhonzi bakho ngolwimi lwaseSiriya,+ kuba siphulaphule; ungathethi kuthi ngolwimi lwamaYuda+ ezindlebeni zabantu abaseludongeni.”+ 12  Kodwa uRabheshake wathi: “Ngaba inkosi yam indithume ukuba ndiwathethe kwinkosi yakho nakuwe na la mazwi? Ayindithumanga kubantu abahleli eludongeni na, ukuze badle ilindle labo basele nomchamo wabo kunye nani?”+ 13  URabheshake waqhubeka emile+ waza wamemeza ngelizwi elikhulu ngolwimi lwamaYuda,+ wahlabela mgama wathi: “Yivani amazwi kakumkani omkhulu, ukumkani waseAsiriya.+ 14  Utsho ukumkani ukuthi, ‘Ningamvumeli uHezekiya anikhohlise,+ kuba akanako ukunihlangula.+ 15  Yaye ningamvumeli uHezekiya anibangele nikholose ngoYehova,+ esithi: “UYehova uya kusihlangula ngokuqinisekileyo.+ Esi sixeko asiyi kunikelwa esandleni sikakumkani waseAsiriya.”+ 16  Ningamphulaphuli uHezekiya, kuba utsho ukumkani waseAsiriya ukuthi: “Nikezela uze kum+ nize nidle ngamnye kumdiliya+ wakhe nakumkhiwane wakhe nize nisele amanzi ngamnye equleni lakhe,+ 17  ndide ndifike ndinithabathele kwilizwe elinjengelizwe lenu,+ ilizwe lokudla okuziinkozo newayini entsha, ilizwe lesonka nezidiliya; 18  ukuze uHezekiya anganilukuhli,+ esithi, ‘UYehova uya kusihlangula.’ Ngaba ngamnye koothixo beentlanga uye walihlangula ilizwe lakhe esandleni sokumkani waseAsiriya?+ 19  Baphi na oothixo baseHamati+ neArpadi?+ Baphi na oothixo baseSefarvayim?+ Baye bayihlangula na iSamariya esandleni sam?+ 20  Ngabaphi na phakathi kwabo bonke oothixo bala mazwe abaye balihlangula ilizwe labo esandleni sam+ ukuba ade uYehova ayihlangule iYerusalem esandleni sam?”’”+ 21  Kodwa bona bathi cwaka, abaphendula,+ kuba umyalelo kakumkani wawusithi: “Nize ningamphenduli.”+ 22  Kodwa uEliyakim+ unyana kaHilekiya, owayongamele indlu,+ noShebhena+ unobhala noYowa+ unyana ka-Asafu owayegcina ingxelo beza kuHezekiya bezikrazule izambatho zabo,+ baza bamxelela la mazwi kaRabheshake.+

Umbhalo osemazantsi