I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 32:1-20

32  Khangela! Ukumkani+ uya kulawula ngobulungisa;+ zona iinkosana,+ ziya kulawula njengeenkosana zokusesikweni.  Kwaye ngamnye uya kuba njengendawo yokuzimela umoya nendawo yokuzifihla esiphangweni,+ abe njengemisinga yamanzi kwilizwe elingumqwebedu,+ nanjengomthunzi wengxondorha enkulu kwilizwe elibharhileyo.+  Amehlo abo babonayo akayi kuvingcwa, neendlebe zabo bevayo ziya kunikela ingqalelo.+  Nentliziyo yabo bazizingxami iya kuqwalasela ulwazi,+ kwanolwimi lwabathintithayo luya kukhawuleza ukuthetha izinto ezicacileyo.+  Lowo ungenangqiqo akasayi kuba sabizwa ngokuba unesisa; ke lona itshivela, akuyi kuthiwa lisisidwangube;+  ngenxa yokuba lowo ungenangqiqo uya kuthetha izinto zokungabi nangqiqo,+ nentliziyo yakhe iya kusebenza okwenzakalisayo,+ ukuze isebenze uwexuko+ nokuthetha into etenxileyo ngoYehova, ukuze ibangele umphefumlo wolambileyo uhambe ulambatha,+ yaye ubangela nonxaniweyo ahambe engenanto yokusela.  Ke lona itshivela, izixhobo zalo zibi;+ lona lenze isigqibo ngezenzo zehambo evakalala,+ ukuze lonakalise abaxhwalekileyo ngamazwi obuxoki,+ kwanaxa lowo ulihlwempu ethetha oko kulungileyo.  Ngokubhekisele kulowo unesisa, wenze isigqibo ngezinto zesisa; yaye uya kumela izinto zesisa.+  “Nina bafazi bahleli ngokukhululeka, vukani, liphulaphuleni ilizwi lam!+ Nina zintombi zingenanyameko, yibekeleni indlebe intetho yam! 10  Kwisithuba sonyaka neentsuku ezithile nina bangenanyameko niya kuphazamiseka,+ ngenxa yokuba ukuvunwa kweediliya kuya kuphela kodwa akukho kubuthwa kwesiqhamo okuya kufika.+ 11  Ngcangcazelani, nina bafazi bahleli ngokukhululeka! Phazamisekani, nina bangenanyameko! Khululani nize nizenze nibe ze, nibhinqe amarhonya ezinqeni.+ 12  Zimbambazeleni nisenza isijwili+ ngenxa yamasimi anqwenelekayo,+ ngenxa yomdiliya othwala isiqhamo. 13  Emhlabeni wabantu bam kuphuma ameva,+ amakhakakhaka, kuba akuzo zonke izindlu zemigcobo, ewe, idolophu enochulumanco olukhulu.+ 14  Kuba inqaba yokuhlala ilahliwe,+ isiphithiphithi sesixeko sishiyiwe; iOfeli+ nemboniselo ziya kuba yimihlaba engenanto, kangangexesha elingenammiselo ukugcoba kwamaqwarhashe, idlelo lemihlambi; 15  kude kuthululwe phezu kwethu umoya uvela phezulu,+ yaye intlango iya kuba libhoma, nebhoma libalwe njengehlathi lokwenene.+ 16  “Kwaye okusesikweni ngokuqinisekileyo kuya kuhlala entlango, nobulungisa buya kuhlala ebhomeni.+ 17  Nomsebenzi wobulungisa bokwenyaniso umele ube luxolo;+ nenkonzo yobulungisa bokwenyaniso, ukuzola nonqabiseko ukusa kwixesha elingenammiselo.+ 18  Yaye abantu bam baya kuhlala kwindawo yokuhlala enoxolo nakwiindawo zokuhlala zentembelo epheleleyo nakwiindawo zokuphumla ezingaphazamisekiyo.+ 19  Kwaye ngokuqinisekileyo kuya kuna isichotho ekuweni kwehlathi nasekuthotyweni+ kwesixeko kwimeko yokuthotywa.+ 20  “Ninoyolo nina nihlwayela imbewu ecaleni kwamanzi onke,+ nithumela amanqina enkunzi yenkomo nawe-esile.”+

Umbhalo osemazantsi