I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 31:1-9

31  Yeha ke abo baya eYiputa ukuba bancedwe,+ abo bathembela ngamahashe,+ nabo bakholosa ngeenqwelo zokulwa ezininzi, nangamahashe emfazwe,+ ngenxa yokuba enamandla kakhulu, kodwa abangakhangelanga kuLowo Ungcwele kaSirayeli nabangamfunanga uYehova.+  Ukanti yena sisilumko,+ kwaye uya kubazisela intlekele,+ yena olizwi lakhe lingenakuze lisilele;+ uya kusuka ayivukele indlu yabenzi-bubi+ ndawonye nabo babancedisayo.+  Noko ke, amaYiputa ngabantu basemhlabeni,+ akangoThixo; namahashe awo yinyama,+ asingomoya. UYehova uya kusolula isandla sakhe, yaye lowo unikela uncedo uya kukhubeka,+ nalowo uncedwayo uya kuwa, kwaye kwangaxeshanye bonke baya kuphela.  Kuba utsho uYehova kum ukuthi: “Kanye njengoko ingonyama ibhavuma, kwanengonyama entsha enesingci,+ phezu kwexhoba layo, yakubizelwa ihlokondiba labalusi, ingaloyiki ilizwi labo okanye yothuswe yingxokolo yabo; ngokukwanjalo uYehova wemikhosi uya kuhla ukuze enze imfazwe eNtabeni yeZiyon naphezu kwenduli yayo.+  Njengeentaka eziphaphazelayo, uya kwenjenjalo uYehova wemikhosi ukuyikhusela iYerusalem.+ Ngokuqinisekileyo uya kuyikhusela, ayihlangule.+ Uya kuyikhetha, ayisindise.”  “Buyelani+ kuLowo baye bamvukela ngokunzulu oonyana bakaSirayeli.+  Kuba ngaloo mini baya kugatya ngamnye oothixo bakhe abangento yanto besilivere noothixo bakhe abangenaxabiso begolide,+ abo izandla zenu zanenzela bona ukuba none ngabo.+  Iya kuwa iAsiriya likrele elingelolamntu; limqwenge ikrele elingelolamntu wasemhlabeni.+ Kwaye imele isabe ngenxa yekrele, nabafana bayo baya kusebenza ngokuqhutywa ngebhaxa.  Nengxondorha yayo iya kudlula ngenxa yokothuka okupheleleyo, nangenxa yomqondiso+ iinkosana zayo ziya kunkwantya,” utsho uYehova, okukhanya kwakhe kuseZiyon neziko+ lakhe liseYerusalem.

Umbhalo osemazantsi