Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isa 25:1-12

25  Owu Yehova, unguThixo wam.+ Ndiyakuphakamisa,+ ndiyalibonga igama lakho,+ kuba wenze izinto ezimangalisayo,+ amacebo+ ukususela kumaxesha angaphambili, ukuthembeka,+ ukukholoseka.+  Kuba isixeko usenze saba yimfumba yamatye, idolophu enqatyisiweyo yaba linxuwa eliwohlokayo, inqaba yokuhlala yabasemzini ayabi sosixeko, esingayi kubuya sakhiwe ukusa kwixesha elingenammiselo.+  Kungenxa yoko le nto abo basisizwana esomeleleyo beya kukuzukisa; idolophu yeentlanga ezingoozwilakhe, ziya kukoyika.+  Kuba uye waba ligwiba kwisisweli,+ igwiba kolihlwempu ekubandezelekeni anako,+ indawo yokusabela esiphangweni, umthunzi ebushushwini, xa ukufutha kwabo bangoozwilabo kunjengesiphango eludongeni.  Njengobushushu kwilizwe elingumqwebedu, ingxolo yabasemzini uyayoyisa, ubushushu bethunzi lelifu.+ Uncuthu lwengoma lwabo bangoozwilabo luxinzelelekile.+  Yaye ngokuqinisekileyo uYehova wemikhosi uya kwenzela zonke izizwana,+ kule ntaba,+ isidlo sokutya okuneoli eninzi,+ isidlo sewayini egcinwe ngeentsipho, sokutya okuneoli eninzi okuzaliswe ngumongo,+ sewayini+ egcinwe ngeentsipho, yahluzwa.+  Kwaye kule ntaba ngokuqinisekileyo uya kuginya ubuso besigubungelo esigubungela zonke izizwana,+ nomsebenzi olukiweyo ogubungela zonke iintlanga.  Okunene uya kuginya ukufa ngonaphakade,+ yaye iNkosi enguMongami uYehova ngokuqinisekileyo iya kosula iinyembezi ebusweni bonke.+ Nongcikivo lwabantu bakhe uya kulususa emhlabeni wonke,+ kuba uYehova uthethile.  Ngokuqinisekileyo ngaloo mini kuya kuthiwa: “Khangela! Lo nguThixo wethu.+ Besithembele kuye,+ ibe uya kusisindisa.+ Lo nguYehova.+ Besithembele kuye. Masivuye sibe nemihlali ngosindiso lwakhe.”+ 10  Kuba isandla sikaYehova siya kuhlala kule ntaba,+ yaye uMowabhi uya kunyathelwa+ kule ndawo yakhe njengemfumba yeendiza inyathelwa endaweni yomgquba.+ 11  Uya kolula izandla zakhe phakathi kwayo njengendadi izolula xa idadayo, yaye uya kumthoba kwimpakamo+ yakhe ngokushukuma okukhohlisayo kwezandla zakhe. 12  Uya kusiwisa isixeko esinqatyisiweyo, neendonga zakho eziphakamileyo zonqabiseko; uya kusithoba, asingqule emhlabeni, eluthulini.+

Umbhalo osemazantsi