Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 23:1-18

23  Nasi isibhengezo seTire:+ Bhombolozani, nina zinqanawa zaseTarshishe!+ kuba iphangiwe ekubeni lizibuko, ekubeni yindawo ekungenwa kuyo.+ Bakutyhilelwe kuvela kwilizwe laseKitim.+  Yithini cwaka, nina bemi belizwe elingaselunxwemeni. Abarhwebi baseSidon,+ abo bawela ulwandle—bakuzalisile.  Yaye imbewu yaseShihore+ ibisemanzini amaninzi, isivuno somNayile, ingeniso yayo; kwaye iye yaba yingenelo ezintlangeni.+  Yiba neentloni, Sidon,+ ngenxa yokuba ulwandle, igwiba lolwandle, lithe: “Andibanga nanimba, yaye andikhange ndizale, ndingakhulisanga bafana, nantombi zinyulu.”+  Kanye njengakuyo ingxelo eyayiphathelele iYiputa,+ ngokunjalo abantu baya kuba sentlungwini eqatha ngengxelo yaseTire.+  Welelani eTarshishe; bhombolozani, nina bemi belizwe elingaselunxwemeni.  Sesi sixeko senu na esi sasigcobile ngemihla yamandulo, kumaxesha aso angaphambili? Iinyawo zaso zazifudula zisizisa kude ukuze sihlale njengomphambukeli.  Ngubani na owenze esi sigqibo+ ngeTire, yona ethwesa ngezithsaba, ebarhwebi bayo babeziinkosana, nebathengisi bayo bangababekekileyo bomhlaba?+  UYehova wemikhosi wenze esi sigqibo,+ ukuze ahlambele iqhayiya lobuhle bonke,+ aphathe ngendelelo bonke abo babekekileyo bomhlaba.+ 10  Wela kulo ilizwe lakho njengoMlambo umNayile, ntombi yaseTarshishe.+ Akusekho ndawo yokwakhela iinqanawa.+ 11  Isandla sakhe usolulele phezu kolwandle; uzibangele zaphazamiseka izikumkani.+ UYehova unikele umyalelo nxamnye neFenike, ukuba kubhujiswe amagwiba ayo.+ 12  Yaye uthi: “Ungaze ugcobe kwakhona,+ wena ucinezelweyo, ntombi enyulu yaseSidon.+ Sukuma, welela eKitim.+ Kwanalapho akuyi kuba nakuphumla.” 13  Khangela! Ilizwe lamaKhaledi.+ Ngabo aba abantu—iAsiriya+ yangqineka ingeyiyo—bayiseka ukuze ibe yeyabemi basezinkqantosini.+ Bamise iinqaba zabo zokungqinga;+ baziphange azabi nanto iinqaba zayo zokuhlala;+ ubani uyimise njengenxuwa eliwohlokayo.+ 14  Bhombolozani, nina zinqanawa zaseTarshishe, kuba igwiba lenu liphangiwe.+ 15  Kuya kuthi ngaloo mini iTire ilityalwe iminyaka engamashumi asixhenxe,+ njengemihla yokumkani omnye. Ekupheleni kweminyaka engamashumi asixhenxe kuya kwenzeka kwiTire ngokwengoma kanongogo, ethi: 16  “Thabatha uhadi, jikeleza isixeko, nongogo olityelweyo.+ Yenza okusemandleni akho ukudlala imirhubhe; zenze zibe ninzi iingoma zakho, ukuze ube nokukhunjulwa.” 17  Kuya kuthi ke ekupheleni kweminyaka engamashumi asixhenxe uYehova aphethulele ingqalelo yakhe kwiTire, ibuyele emvuzweni wayo+ ize ibe ngunongogo wezikumkani zonke zehlabathi eziphezu komhlaba.+ 18  Kwaye ingenelo yayo nomvuzo+ wayo zimele zibe yinto engcwele kuYehova. Ayiyi kuqwetywa, ingayi kubekwa, ngenxa yokuba umvuzo wayo uya kuba ngowabo bahlala phambi koYehova,+ ukuze badle baneliseke nokuze banxibe ezintle.+

Umbhalo osemazantsi