Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 22:1-25

22  Nasi isibhengezo sentlambo yombono:+ Kwenzeke ntoni na kuwe, ngoko, le nto unyukileyo ngokupheleleyo waya eluphahleni?+  Uzaliswe yingxokozelo, isixeko esixokozelayo, idolophu egcobileyo.+ Ababuleweyo bakho ababulawanga ngekrele, bengafanga nasedabini.+  Bonke oozwilakhe bakho+ basabe ngaxeshanye.+ Bathatyathwe njengamabanjwa ngaphandle kwesaphetha. Bonke abakho abafunyenweyo bathatyathwe njengamabanjwa ndawonye.+ Babebaleke bemka baya kude.  Kungenxa yoko le nto ndithe: “Yekani ukondela kum. Ndiza kunibonisa ubukrakra ngokulila.+ Musani ukuzingisa nindithuthuzela ngenxa yokuphangwa kwentombi yabantu bam.+  Kuba yimini yesiphithiphithi+ neyokugqusha+ neyokuqungaqunga+ leyo yeNkosi enguMongami, uYehova wemikhosi, entlanjeni yombono. Kukho umchithi eludongeni,+ nokukhala entabeni.+  Ne-Elam+ ithabathe umphongolo, kwinqwelo yokulwa yomntu wasemhlabeni, enamahashe emfazwe; neKire+ ityhile ikhaka.  Kothi ke iintili zakho ezizezona zintle zizaliswe ziinqwelo zokulwa, namahashe emfazwe kanye amele nakanjani na azimise esangweni,  yaye umntu uya kushenxisa umkhusane wakwaYuda. Kwaye uya kukhangela ngaloo mini kwindawo yokugcina izikrweqe+ kwindlu yehlathi,+  yaye ngokuqinisekileyo niya kubona zona kanye iintanda zesiXeko sikaDavide, kuba okunene ziya kuba ninzi.+ Niya kuqokelela ke amanzi echibini elisezantsi.+ 10  Nezindlu zaseYerusalem okunene niya kuzibala. Niya kuzidiliza izindlu ukuze nenze udonga lungafikeleleki.+ 11  Niya kwenza isidibi samanzi echibi elidala phakathi kweendonga ezimbini.+ Yaye ngokuqinisekileyo aniyi kukhangela kuMenzi wayo Ozukileyo, nalowo iyilwe nguye kwakudala ngokuqinisekileyo aniyi kumbona. 12  “INkosi enguMongami,+ uYehova wemikhosi, iya kunizisela ngaloo mini ukulila+ nokuzila nenkqayi nokubhinqa amarhonya.+ 13  Kodwa, nina nisuke nagcoba, naba nemihlali, naxhela iinkomo nezimvu, nadla inyama, nasela newayini, nisithi+ ‘Masidle sisele, kuba ngomso siya kufa.’”+ 14  Kwaye uYehova wemikhosi uzityhilile ezindlebeni zam, wathi:+ “‘Esi siphoso asiyi kucanyagushelwa+ ngenxa yenu nide nife,’+ itsho iNkosi enguMongami, uYehova wemikhosi.” 15  Itsho iNkosi enguMongami, uYehova wemikhosi, ukuthi: “Hamba, ungene kweli gosa, kuShebhena,+ ophezu kwayo indlu le,+ 16  ‘Yintoni na oyilangazelelayo apha, ingubani na omlangazelelayo apha, le nto uzimbele apha indawo yokungcwaba?’+ Uzimbela indawo yokungcwaba kwindawo ephakamileyo; uzisikela indawo yokuhlala engxondorheni. 17  ‘Yabona! UYehova uya kukuphosa phantsi ngogonyamelo, ndodandini yomeleleyo, akubambe nkqi. 18  Nakanjani na uya kukusonga ngokuqinileyo, njengebhola kwilizwe elibanzi. Uya kufela apho, iinqwelo zozuko lwakho zibe lihlazo lendlu yenkosi yakho. 19  Kwaye ndiza kukushenxisa esikhundleni sakho; ususwe kwisigxina sakho sasemthethweni.+ 20  “‘Kuya kuthi ke ngaloo mini ndimbize umkhonzi wam,+ oko kukuthi, uEliyakim+ unyana kaHilekiya.+ 21  Yaye ndiya kumambesa ngomwunduzo wakho, ndimbophe nkqi ngombhinqo wakho,+ nolawulo lwakho ndiya kulunikela esandleni sakhe; kwaye umele abe nguyise wommi waseYerusalem nowendlu kaYuda.+ 22  Nesitshixo+ sendlu kaDavide ndiya kusibeka egxalabeni lakhe, avule kungabikho uvalayo, avale kungabikho uvulayo.+ 23  Ndiya kumbethelela njengesikhonkwane+ kwindawo ehlala ihleli, abe njengetrone yozuko endlwini kayise.+ 24  Kwaye bamele baluxhome kuye lonke uzuko lwendlu kayise, inzala namagatya, zonke izitya zohlobo oluncinane, zonke izitya zohlobo olumgobongqo kwanazo zonke izitya eziyimiphanda emikhulu. 25  “‘Ngaloo mini,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘isikhonkwane+ esibethelelwa endaweni ehlala ihleli siya kushenxiswa,+ sixakaxwe size siwe, nomthwalo okuso umele unqunyulwe, kuba uYehova uthethile.’”+

Umbhalo osemazantsi