I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 21:1-17

21  Isibhengezo nxamnye nentlango yaselwandle:+ Njengesaqhwithi somoya+ ezantsi ukhukula uye phambili, kukho okuzayo kuvela entlango, kwilizwe eloyikekayo.+  Ndixelelwe umbono+ olukhuni: Iqhophololo liqhubana ngobuqhophololo, nomphangi uyaphanga.+ Nyuka, Elam! Ngqinga, Medi!+ Ndikuyekisile konke ukuncwina okungenxa yakhe.+  Kungenxa yoko le nto isinqe sam sizele ziintlungu eziqatha.+ Ndibanjwe kukuzibhijabhija, njengokuzibhijabhija komfazi ozalayo.+ Ndiphazamisekile kangangokuba andiva; ndixakanisekile kangangokuba andiboni.  Intliziyo yam ibhadu-bhadule; ndinkwantyiswe kukutyhwatyhwa. Urhatya endilulangazeleleyo lwenziwe lwandingcangcazelisa.+  Makumiswe iitafile ngolungelelwano, kulungiselelwe iindawo zezihlalo, kudliwe, kuselwe!+ Vukani, zinkosana,+ thambisani ikhaka.+  Kuba utsho uYehova kum ukuthi: “Yiya, umise umlindi ukuze axele oko akubonayo.”+  Yaye wabona inqwelo yokulwa inesipani samahashe okulwa, inqwelo yokulwa yamaesile, inqwelo yokulwa yeenkamela. Kwaye wanikela ingqalelo ngokucokisekileyo, ephulaphule kakhulu.  Waza wamemeza njengengonyama wathi:+ “Owu Yehova, ndimi rhoqo emboniselweni emini, yaye ndimi endaweni yam yokulinda ubusuku bonke.+  Ke, nako kusiza amadoda ngenqwelo yokulwa, inesipani samahashe emfazwe!”+ Wathetha wathi: “Iwile! IBhabhiloni iwile,+ nayo yonke imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bayo uyaphulele emhlabeni!”+ 10  Owu nina nibhuliweyo bam nonyana wesanda sam,+ oko ndikuvileyo kuYehova wemikhosi, uTHIXO kaSirayeli, ndikuxelile kuni. 11  Isibhengezo nxamnye noDuma: Kukho omemeza kum ekwaSehire, esithi:+ “Mlindi, kuthekani na ngobusuku? Mlindi, kuthekani na ngobusuku?”+ 12  Umlindi wathi: “Intsasa iza kufika, kwanobusuku. Ukuba niyabuza, buzani. Yizani kwakhona!” 13  Isibhengezo nxamnye nethafa eliyinkqantosi: Ehlathini ethafeni eliyinkqantosi niya kuchitha ubusuku, miqodi yabantu bakwaDedan.+ 14  Ukuhlangabeza onxaniweyo zisani amanzi, bemi belizwe lakwaTema,+ nimkhawulele ngesonka osabayo. 15  Kuba basabile ngenxa yamakrele, ngenxa yekrele elirholiweyo, nangenxa yesaphetha esigotyiweyo nangenxa yobunzima bemfazwe. 16  Kuba utsho uYehova kum ukuthi: “Kwakulo nyaka, ngokweminyaka yomqeshwa,+ lonke uzuko lwakwaKedare+ lumele luphele. 17  Nabo baseleyo kwinani labantu abadubula ngesaphetha, amadoda anamandla koonyana bakaKedare, baya kuba mbalwa,+ kuba uYehova, uTHIXO kaSirayeli, uthethile.”+

Umbhalo osemazantsi