I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 20:1-6

20  Ngonyaka wokuza kukaTartan+ eAshdode,+ xa uSargon ukumkani waseAsiriya wamthumelayo,+ waza walwa imfazwe neAshdode wayithimba;+  ngelo xesha uYehova wathetha ngesandla sikaIsaya unyana ka-Amotsi,+ esithi: “Hamba,+ uze ukhulule irhonya elisesinqeni sakho;+ ukhulule neembadada ezinyaweni zakho.”+ Yaye wenjenjalo, ehambahamba eze nasezinyaweni enganxibanga nto.+  Waza uYehova wahlabela mgama wathi: “Kanye njengoko umkhonzi wam uIsaya eye wahambahamba eze kwaye enganxibanga nto ezinyaweni iminyaka emithathu engumqondiso+ nomhlola nxamnye neYiputa+ nanxamnye neTiyopiya,+  ngoko ukumkani waseAsiriya uya kukhokela amaqela amabanjwa aseYiputa+ nabathinjwa baseTiyopiya, amakhwenkwe namadoda amadala, behamba ze nasezinyaweni benganxibanga nto, behamba ngeempundu, nto leyo eziintloni kwiYiputa.+  Ngokuqinisekileyo baya kunkwantya baze babe neentloni ngeTiyopiya ithemba+ abebekhangele kulo nangeYiputa ubuhle bayo.+  Yaye ngokuqinisekileyo abemi beli lizwe lingaselunxwemeni baya kuthi ngaloo mini, ‘Linje ke ithemba ebesikhangele kulo, esasabela kulo ukuba sincedwe, ukuze sihlangulwe kukumkani waseAsiriya!+ Ngoko siya kusinda njani na thina?’”

Umbhalo osemazantsi