Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 2:1-22

2  Kuko oku awakutyhilelwayo uIsaya unyana ka-Amotsi ngokuphathelele uYuda neYerusalem:+  Kuya kuthi ke ekupheleni kwemihla+ intaba yendlu+ kaYehova imiselwe ngokuqinileyo encotsheni yeentaba,+ ize ngokuqinisekileyo ivelele ngaphezu kweenduli;+ kwaye ziya kuba ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga.+  Ngokuqinisekileyo izizwana ezininzi ziya kuhamba zisithi: “Yizani,+ masinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaTHIXO kaYakobi; asiyalele ngeendlela zakhe, ukuze sihambe emendweni wakhe.”+ Kuba kuya kuphuma umthetho eZiyon, nelizwi likaYehova eYerusalem.+  Ngokuqinisekileyo uya kugweba phakathi kweentlanga+ aze alungelelanise imicimbi+ phakathi kwezizwana ezininzi.+ Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba nemikhonto yazo ibe zizikere zokuthena imithi.+ Uhlanga aluyi kuphakamisela uhlanga ikrele, zingayi kuphinda zifunde nemfazwe kwakhona.+  Owu bantu bendlu kaYakobi, yizani size sihambe ekukhanyeni kukaYehova.+  Kuba ubashiyile abantu bakho, indlu kaYakobi.+ Kuba bazele koko kuvela eMpuma,+ baqhelisela umlingo+ njengamaFilisti, yaye baphuphuma ngabantwana basemzini.+  Ilizwe labo lizaliswe yisilivere negolide, nobuncwane babo abunamda.+ Ilizwe labo lizaliswe ngamahashe, neenqwelo zabo azinamda.+  Ilizwe labo lizaliswe ngoothixo abangenaxabiso.+ Baqubuda kumsebenzi wezandla zabo, koko kwenziwe yiminwe yabo.+  Umntu wasemhlabeni uyaqubuda, nendoda iyathotywa, ngoko akunakwenzeka ukuba ubaxolele.+ 10  Ngena eliweni uze uzifihle eluthulini ngenxa yokunkwantyisa kukaYehova, nokongama kwakhe okunobungangamsha.+ 11  Amehlo anekratshi omntu wasemhlabeni amele athotywe, nokuphakama kwabantu kumele kuthotywe;+ yaye nguYehova yedwa omele abekwe phezulu ngaloo mini.+ 12  Kuba yimini kaYehova wemikhosi.+ Iphezu kwakhe wonk’ ubani oziphakamisileyo naphezu kwakhe wonk’ ubani onyukileyo okanye othotyiweyo;+ 13  naphezu kwemisedare yonke yaseLebhanon+ ephakamileyo nenyukileyo naphezu kwemithi yonke exandileyo yaseBhashan;+ 14  naphezu kweentaba zonke eziphakamileyo naphezu kweenduli zonke ezinyukileyo;+ 15  naphezu kweenqaba zonke eziphakamileyo naphezu kweendonga zonke ezinqatyisiweyo;+ 16  naphezu kweenqanawa zonke zaseTarshishe+ naphezu kwezikhephe zonke ezinqwenelekayo. 17  Nekratshi lomntu wasemhlabeni limele lithotywe, nokuphakama kwabantu kumele kuthotywe;+ nguYehova kuphela omele abekwe phezulu ngaloo mini.+ 18  Izithixo ezingenaxabiso ziya kudlula ngokupheleleyo.+ 19  Yaye abantu baya kungena emiqolombeni yamawa nasemingxunyeni yothuli ngenxa yokunkwantyisa kukaYehova nokongama kwakhe okunobungangamsha,+ ekuphakameni kwakhe ukuze umhlaba wothuke.+ 20  Ngaloo mini umntu wasemhlabeni uya kubaphosa koocwethe nasemalulwaneni oothixo bakhe besilivere abangenaxabiso noothixo bakhe begolide abangenaxabiso abamenzela bona ukuze aqubude kubo,+ 21  ukuze angene emingxunyeni emaweni nasezimfanteni zeengxondorha, ngenxa yokunkwantyisa kukaYehova nokongama kwakhe okunobungangamsha,+ ekuphakameni kwakhe ukuze umhlaba wothuke. 22  Ngenxa yenu, myekeni umntu wasemhlabeni, ompefumlo yakhe isemathatheni akhe,+ kuba uyintoni na yena?+

Umbhalo osemazantsi