I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 19:1-25

19  Isibhengezo nxamnye neYiputa:+ Khangela! UYehova ukhwele kwilifu+ elikhawulezayo esiya eYiputa. Kwaye oothixo baseYiputa abangenaxabiso ngokuqinisekileyo baya kudidizela ngenxa yakhe,+ nentliziyo yeYiputa iya kunyibilika ngaphakathi kuyo.+  “Ndiza kuwaxhokonxa amaYiputa nxamnye namaYiputa, yaye ngokuqinisekileyo aya kulwa elowo nomntakwabo, elowo neqabane lakhe, isixeko nxamnye nesixeko, ubukumkani nxamnye nobukumkani.+  AmaYiputa aya kudubadubeka,+ ndilitshitshise icebo lawo.+ Yaye ngokuqinisekileyo aya kubhenela koothixo+ abangenaxabiso nakwabasebenzisa amakhubalo nakwabaneshologu nakubaxeli-ziganeko kwangaphambili abaziinkunkqele.+  Ndiza kuyinikela iYiputa esandleni senkosi elukhuni, nokumkani oya kuyilawula uya komelela,”+ itsho iNkosi yokwenyaniso, uYehova wemikhosi.  Ngokuqinisekileyo amanzi aya koma elwandle, nomlambo uya kubharha uze okunene wome.+  Imilambo iya kunuka; iya kuwutha imijelo yomNayile waseYiputa, ibharhe.+ Iya kuvunda ingcongolo+ nemizi.  Iindawo ezingenanto ngakuMlambo umNayile, ngasechwebeni loMlambo umNayile, nawo wonke umhlaba ohlwayelweyo woMlambo umNayile uya koma.+ Ngokuqinisekileyo uya kuphetshethwa, ungabi sabakho.  Nabalobi kuya kufuneka bazile, nabo bonke abo baphosa amagwegwe okuloba iintlanzi kuMlambo umNayile bamele bavakalise usizi, kwanabo baneka iminatha yokuloba phezu kwamanzi okunene baya kuphelelwa.+  Nabo basebenza ngeflakisi echaziweyo+ baya kuba neentloni; kanjalo nabaluki belaphu elimhlophe. 10  Nabaluki bayo+ baya kutyunyuzwa, bonke abasebenzela umvuzo babe buhlungu emphefumlweni. 11  Iinkosana zaseTsowan+ eneneni zizizidenge. Ngokubhekisele kwizilumko ezikubacebisi bakaFaro ke, icebo lazo liyinto engekho ngqiqweni.+ Niya kutsho njani na kuFaro ukuthi: “Ndingunyana wezilumko, unyana wookumkani bamaxesha amandulo”? 12  Ziphi na, ke ngoko—izilumko zakho+—ukuze zikuxelele nokuze zikwazi oko agqibe kuko uYehova wemikhosi ngokuphathelele iYiputa?+ 13  Iinkosana zaseTsowan zenze ngobudenge,+ iinkosana zaseNofu+ zikhohlisiwe, amadoda aziintloko+ ezizwe zayo ayibangele yabhadu-bhadula iYiputa. 14  UYehova uthululele phakathi kwayo umoya wokuphazamiseka;+ yaye bayibhadulisile iYiputa kuwo wonke umsebenzi wayo, kanye njengokugxadazela kwenxila emhlanzweni walo.+ 15  Kwaye iYiputa ayiyi kuba nawo nawuphi na umsebenzi onokwenziwa yintloko okanye ngumsila, ihlumelo okanye umzi.+ 16  Ngaloo mini iYiputa iya kuba njengabafazi, yaye ngokuqinisekileyo iya kungcangcazela inkwantye+ ngenxa yokulingisa kwesandla sikaYehova wemikhosi ayilingisa ngaso.+ 17  Kwaye umhlaba wakwaYuda uya kuyenza igxadazele iYiputa.+ Wonke ubani athe umntu wawukhankanya kuye uyankwantya ngenxa yesigqibo agqibe kuso uYehova wemikhosi nxamnye naye.+ 18  Ngaloo mini kuya kubakho izixeko ezihlanu kwilizwe laseYiputa+ ezithetha ulwimi lwakwaKwanan+ nezifunga+ uYehova wemikhosi. Esinye isixeko siya kubizwa ngokuba sisiXeko Sokuchitha. 19  Ngaloo mini kuya kubakho isibingelelo kuYehova phakathi kwelizwe laseYiputa,+ nentsika kaYehova ibe ngasemdeni wayo. 20  Kwaye siya kuba ngumqondiso nobungqina kuYehova wemikhosi kwilizwe laseYiputa;+ kuba baya kudanduluka kuYehova ngenxa yabacinezeli,+ yaye uya kubathumelela umsindisi ozukileyo, oya kuthi okunene abahlangule.+ 21  UYehova uya kuzazisa kumaYiputa;+ amazi uYehova amaYiputa ngaloo mini, kwaye amele anikele umbingelelo nesipho+ yaye amele enze isibhambathiso kuYehova aze asifezekise.+ 22  UYehova uya kuyibetha ngesibetho iYiputa.+ Iya kubethwa ngesibetho ize iphiliswe;+ baya kubuyela kuYehova,+ aze asabele akubongozwa ngabo, abaphilise.+ 23  Ngaloo mini kuya kubakho uhola wendlela+ ophuma eYiputa oya eAsiriya, eze ama-Asiriya eYiputa, namaYiputa aye eAsiriya; akhonze kunye amaYiputa nama-Asiriya. 24  Ngaloo mini uSirayeli uya kuba ngowesithathu kunye neYiputa neAsiriya,+ oko kukuthi, intsikelelo phakathi komhlaba,+ 25  ngenxa yokuba uYehova wemikhosi uya kube eyisikelele,+ esithi: “Mabasikelelwe abantu bam, iYiputa, nomsebenzi wezandla zam, iAsiriya,+ nelifa lam, uSirayeli.”+

Umbhalo osemazantsi