I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 18:1-7

18  Kwowu, ilizwe lezinambuzane ezinenzwinini yamaphiko, elikummandla wemilambo yaseTiyopiya!+  Elo lithumela abathunywa+ ngolwandle, nangemikhombe yemikhanzi phezu kwamanzi, lisithi: “Hambani, nina bathunywa bakhawulezayo, niye kuhlanga olude nolugudileyo, kwisizwana esoyikwayo kuyo yonk’ indawo, uhlanga olunamandla amakhulu nolugqushayo, olulizwe likhukuliswe yimilambo.”+  Nonke nina bemi belizwe elinemveliso+ nani bahlala emhlabeni, niya kubona umbono kanye njengaxa kuphakanyiswa umqondiso ezintabeni,+ yaye niya kuva isandi kanye njengaxa kuvuthelwa isigodlo.+  Kuba utsho uYehova kum ukuthi: “Ndiza kuhlala ndingaphazamiseki ndize ndikhangele kwindawo yam emisiweyo,+ njengokufudumala okubengezelayo ekukhanyeni,+ njengelifu lombethe ekufudumaleni kokuvuna.+  Kuba phambi kwesivuno, xa intyatyambo igqibelela nentyatyambo isiba yidiliya evuthiweyo, kumelwe kunqunyulwe amasetyana ngezikere zokuthena imithi yaye kumelwe kushenxiswe amasebe anabayo, amele ahlahlwe.+  Xa ewonke aya kushiyelwa intaka edla inyama ezintabeni nerhamncwa lomhlaba.+ Yaye ngokuqinisekileyo intaka edla inyama iya kudlulisa ihlobo phezu kwawo, kwanawo onke amarhamncwa omhlaba aya kudlulisa ixesha lokuvuna phezu kwawo.+  “Ngelo xesha kuya kuziswa isipho kuYehova wemikhosi,+ sivela kwisizwana eside nesigudileyo,+ sona kanye isizwana esoyikekayo kuyo yonk’ indawo, uhlanga olunamandla amakhulu nolugqushayo, olulizwe likhukuliswe yimilambo, sisiwe kwindawo yegama likaYehova wemikhosi, iNtaba yeZiyon.”+

Umbhalo osemazantsi