Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isa 17:1-14

17  Isibhengezo nxamnye neDamasko:+ “Khangela! IDamasko ishenxisiwe ekubeni sisixeko, yaye ithe yaba yimfumba, ibhodlo.+  Izixeko zaseArohere+ ezishiywe ngasemva ziba ziindawo zemihlambi, apho okunene ibutha khona, kungabikho bani uyingcangcazelisayo.+  Kwaye isixeko esinqatyisiweyo siphelisiwe kwaEfrayim,+ nobukumkani eDamasko;+ nabo baseSiriya abaseleyo baya kuba kanye njengozuko loonyana bakaSirayeli,” utsho uYehova wemikhosi.+  “Yaye ngaloo mini uzuko lukaYakobi luya kuthotyelwa phantsi,+ kwanokutyeba kwenyama yakhe kuya kwenziwa kubhitye.+  Kuya kuthi ke xa umvuni ehlanganisa ukudla okuziinkozo okungekavunwa nengalo yakhe ivuna izikhwebu,+ abe njengalowo ubhikica izikhwebu entilini yamaRefa.+  Kwaye kumele kusale kuyo ubhikico njengasekuvuthululweni komnquma: iziqhamo ezibini okanye ezithathu zomnquma phezulu esebeni; ezine okanye ezihlanu emasebeni athwala isiqhamo apho,” utsho uYehova uTHIXO kaSirayeli.+  Ngaloo mini umntu wasemhlabeni uya kukhangela phezulu kuMenzi wakhe, namehlo akhe aya kondela kuLowo Ungcwele kaSirayeli.+  Akayi kukhangela ezibingelelweni,+ umsebenzi wezandla zakhe;+ yaye akayi kondela nakoko kwenziwe yiminwe yakhe, nokuba kukwizibonda ezingcwele okanye kwiziganga zeziqhumiso.+  Ngaloo mini izixeko zakhe ezinqabisekileyo ziya kuba njengendawo eshiywe ngokupheleleyo ehlathini, kwanesebe abalishiye ngokupheleleyo ngenxa yoonyana bakaSirayeli; yaye limele libe yinkangala ephanzileyo.+ 10  Kuba umlibele+ uTHIXO wosindiso lwakho;+ neLiwa+ lenqaba yakho akulikhumbulanga. Kungenxa yoko le nto utyala izityalo ezithandekayo, ubeka nehlumelo lowasemzini. 11  Emini usenokusibiyela ngenyameko isityalo sakho, yaye kusasa usenokuyihlumisa imbewu yakho, kodwa ngokuqinisekileyo isivuno siya kusaba ngemini yesifo nentlungu enganyangekiyo.+ 12  Kwowu, ingxokolo yezizwana ezininzi, ezigqumayo njengokugquma kweelwandle! Nengxolo yamaqela eentlanga, enza ingxolo njengengxolo yamanzi anamandla!+ 13  Amaqela eentlanga+ aya kwenza ingxolo kanye njengengxolo yamanzi amaninzi. Ngokuqinisekileyo uya kumkhalimela,+ yaye imele isabele kude ize isukelwe njengomququ weentaba phambi komoya nanjengesivuthevuthe sameva phambi kwesaqhwithi somoya.+ 14  Ngexesha langokuhlwa ziya kunkwantya ngequbuliso. Kungekasi—azikho.+ Siso eso isabelo sabo basiphangayo, neqashiso labo bazirhwaphilizelayo kuthi.+

Umbhalo osemazantsi