I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 16:1-14

16  Thumelani inkunzi yegusha kumlawuli welizwe,+ ivela eSela ngasentlango, ukuya entabeni yentombi yaseZiyon.+  Yaye njengesidalwa esinamaphiko esisabayo, esithe sasukelwa semka endlwaneni yaso,+ iintombi zakwaMowabhi ziya kuba semazibukweni aseArnon.+  “Zisani icebo, niphumeze isigqibo.+ “Yenza isithunzi sakho sibe njengobusuku phakathi emini enkulu.+ Fihla abasasazekileyo;+ musa ukungcatsha nabani na osabileyo.+  Ngamana abasasazekileyo bangahlala njengabaphambukeli kuwe kanye, Mowabhi.+ Yiba yindawo yabo yokuzifihla ngenxa yomphangi.+ Kuba umcinezeli ufikelele esiphelweni sakhe; ukuphanga kunqamkile; abo banyathela abanye baphelisiwe emhlabeni.+  “Yaye ngokuqinisekileyo itrone iya kumiselwa ngokuqinileyo ngobubele bothando;+ kuhlale kuyo onenyaniso ententeni kaDavide,+ egweba ngokusesikweni yaye ekhawuleza ukuphumeza ubulungisa.”+  Sivile ngekratshi likaMowabhi, ukuba unekratshi kakhulu;+ ukuziphakamisa kwakhe nekratshi lakhe nokuvutha komsindo wakhe+—intetho yakhe elilize ayiyi kuba njalo.+  Ngoko ke uMowabhi uya kubhomboloza ngenxa kaMowabhi; wonke uya kubhomboloza.+ Eneneni ababethiweyo baya kudumzela ngenxa yezicumba zeerasintyisi zaseKire-hareseti,+  ngenxa yokuba amasimi aseHeshbon+ abunile. Umdiliya waseSibhema+—abanini beentlanga bawagawule amasebe awo abomvu ngokuqaqambileyo. Ayefikelela naseYazere;+ abhadu-bhadulela nasentlango. Amahlumelo awo ayeyekiwe ukuze azikhulele; aye awela elwandle.  Kungenxa yoko le nto ndiya kulila ngokulila kwaseYazere ngenxa yomdiliya waseSibhema.+ Ndiya kukumanzisa ngeenyembezi zam, Heshbhon+ nawe Eleyale,+ ngenxa yokuba phezu kwehlobo lakho naphezu kwesivuno sakho kuwele phantsi ukukhwaza.+ 10  Nokugcoba nokuba novuyo kususiwe ebhomeni; nasezidiliyeni akukho kumemelela ngovuyo, akukho kukhwaza.+ Umxovuli akukho wayini ayixovulayo kwizixovulelo.+ Ukukhwaza ndikuyekisile.+ 11  Kungenxa yoko le nto zona kanye izibilini zam zixokozela kanye njengohadi ngenxa kaMowabhi,+ nomngaphakathi wam ngenxa yeKire-hareseti.+ 12  Kwabonakala ukuba uMowabhi wayetyhafile kwindawo ephakamileyo;+ weza engcweleni yakhe ukuba athandaze,+ yaye akazange abe nakufeza nantoni na.+ 13  Lilo elo ilizwi awalithethayo uYehova ngokuphathelele uMowabhi ngaphambili. 14  Ke kaloku uYehova uthethile, esithi: “Kwiminyaka emithathu, ngokweminyaka yomqeshwa,+ uzuko+ lwakwaMowabhi lumele luhlazeke ngalo lonke uhlobo lwengxokolo eninzi, nabo baseleyo baya kuba mbalwa kakhulu, bengenamandla.”+

Umbhalo osemazantsi