I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 15:1-9

15  Nasi isibhengezo nxamnye noMowabhi:+ Ngenxa yokuba iphangiwe ngobusuku, iAri+ yakwaMowabhi ithulisiwe. Ngenxa yokuba iphangiwe ngobusuku, iKire+ yakwaMowabhi ithulisiwe.  Yena unyukile waya kuyo iNdlu naseDibhon,+ kwiindawo eziphakamileyo, ukuya kulila. Phezu kweNebho+ naphezu kweMedebha+ uMowabhi uyabhomboloza. Zonke iintloko ezikuye zinenkqayi;+ zonke iindevu zinquthulwe.  Ezitratweni zakhe babhinqe amarhonya.+ Naseluphahleni+ lwakhe nakwiindawo zembutho bayabhomboloza, besehla belila.+  IHeshbhon ne-Eleyali+ ziyadanduluka. Ilizwi lazo livakala ukuya kufikelela naseYahatsa.+ Kungenxa yoko le nto amadoda axhobileyo akwaMowabhi ekhwaza. Wona kanye umphefumlo wakhe uyagubha ngaphakathi kuye.  Intliziyo yam iyadanduluka ngenxa kaMowabhi.+ Ababalekileyo apho baye kufikelela eTsoware+ nase-Egelati-shelishiya.+ Kuba eqhineni laseLuhite+—ngamnye unyuka kulo elila; kuba endleleni eya eHoronayim+ bavuselela isikhalo mayela nesihelegu.  Amanzi aseNimrim+ abe sisiphanziso esipheleleyo. Kuba ingca eluhlaza yomile, ingca iphelile; akukho nto iluhlaza.+  Kungenxa yoko le nto okuseleyo nengqwebo abayibekileyo, bekuthwala bakuweze entlanjeni yemingcunube.  Kuba ummandla wakwaMowabhi+ uzaliswe sisikhalo. Ukubhomboloza okulapho kufikelela nase-Eglayim; kwanaseBhere-elim,  ngenxa yokuba wona kanye amanzi aseDimon azele ligazi. Kuba eDimon ndiya kubeka izinto ezongezelelekileyo, njengengonyama kwabo babalekileyo bakwaMowabhi abasindayo nabo baseleyo bomhlaba.+

Umbhalo osemazantsi