I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 12:1-6

12  Yaye ngaloo mini+ ngokuqinisekileyo uya kuthi: “Ndiya kukubulela, Yehova, kuba nangona ubundiqumbele, umsindo wakho uye wabuya,+ waqala ukundithuthuzela.+  Khangela! UThixo lusindiso lwam.+ Ndiya kukholosa ndize ndingankwantyi;+ kuba uYa uYehova ungamandla am+ nokomelela kwam,+ kwaye uye waba lusindiso lwam.”+  Ngokuqinisekileyo niya kukha amanzi emithonjeni yosindiso ninemigcobo.+  Yaye ngaloo mini ngokuqinisekileyo niya kuthi: “Bulelani kuYehova!+ Bizani egameni lakhe.+ Zaziseni phakathi kwezizwana izenzo zakhe.+ Likhankanyeni igama lakhe ukuba libekwe phezulu.+  Culelani uYehova+ uncuthu lwengoma, kuba wenze ngokugqwesileyo.+ Oku kwaziswa emhlabeni wonke.  “Danduluka kabukhali uze umemelele ngovuyo, wena mmi ulibhinqa waseZiyon, kuba mkhulu phakathi kwakho Lowo Uyingcwele kaSirayeli.”+

Umbhalo osemazantsi