I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Isaya 11:1-16

11  Kumele kuphume isetyana+ esiphunzini sikaYese;+ yaye ihlumelo eliphuma ezingcanjini zakhe+ liya kuba nesiqhamo.+  Kwaye umoya kaYehova umele uhlale phezu kwalo,+ umoya wobulumko+ nowokuqonda,+ umoya wecebo nowamandla,+ umoya wokwazi+ nowokoyika uYehova;+  yaye uya kuyoliswa kukoyika uYehova.+ Akayi kugweba ngayo nayiphi na imbonakalo nje esemehlweni akhe, engayi kohlwaya ngokwento nje eviwe ziindlebe zakhe.+  Uya kuzigweba izisweli ngobulungisa,+ abohlwaye ngokuthe tye abo balulamileyo bomhlaba. Uya kuwubetha umhlaba ngentonga yomlomo wakhe;+ ambulale ongendawo ngomoya wemilebe yakhe.+  Ubulungisa buya kuba libhanti lesinqe sakhe,+ nokuthembeka kube libhanti lesinqe sakhe.+  Ingcuka iya kuhlala ithutyana nenkunzi yemvana, ihlosi libuthe netakane,+ kubuthe ndawonye ithole lenkomo nengonyama entsha enesingci,+ nesilwanyana esondlekileyo;+ nenkwenkwana iziqhube ezo zinto.  Kuya kudla imazi yenkomo nebhere; amathole azo abuthe ndawonye. Kwanengonyama iya kudla iindiza kanye njengenkunzi yenkomo.+  Umntwana owanyayo ngokuqinisekileyo uya kudlala emngxunyeni wephimpi;+ nomntwana olunyulweyo abeke isandla sakhe emngxunyeni wenyoka enobuhlungu.  Aziyi kwenzakalisa+ okanye zonakalise entabeni yam yonke engcwele;+ ngenxa yokuba umhlaba ngokuqinisekileyo uya kuzaliswa kukwazi uYehova njengamanzi egubungele ulwandle.+ 10  Kuya kuthi ngaloo mini+ kubekho ingcambu kaYese+ eya kuma njengomqondiso kwizizwana.+ Kwaneentlanga ziya kuphethukela kuyo zibuze,+ nendawo yayo yokuphumla imele ibe luzuko.+ 11  Kuya kuthi ngaloo mini uYehova kwakhona anikele isandla sakhe, isihlandlo sesibini,+ ukuze azuze intsalela yabantu bakhe abaya kusala eAsiriya+ naseYiputa+ nasePatrosi+ nakwaKushe+ nakwaElam+ naseShinare+ naseHamati nakwiziqithi zolwandle.+ 12  Kwaye ngokuqinisekileyo uya kuziphakamisela umqondiso iintlanga aze ahlanganise abasasazekileyo bakwaSirayeli;+ nabachithachithekileyo bakwaYuda uya kubaqokelela ndawonye kwiziphelo ezine zomhlaba.+ 13  Nekhwele likaEfrayim limele limke,+ kwanabo babonakalisa ubutshaba kuYuda baya kunqunyulwa. UEfrayim akayi kumkhweletela uYuda, noYuda engayi kubonakalisa butshaba kuEfrayim.+ 14  Bamele baphaphazele egxalabeni lamaFilisti baye ngasentshona;+ xa bebonke baya kubaphanga oonyana baseMpuma.+ Baya kusa isandla sabo+ kuEdom noMowabhi, noonyana baka-Amoni baya kuba phantsi kwabo.+ 15  Kwaye ngokuqinisekileyo uYehova uya kulunqumla ulwimi lolwandle lwaseYiputa,+ aze alingise uMlambo+ ngesandla sakhe ekuvutheni komoya wakhe. Uya kuwubetha ube yimisinga esixhenxe, abenze abantu bahambe kuyo ngeembadada zabo.+ 16  Kothi ke kubekho uhola wendlela+ ophuma eAsiriya ongowentsalela+ yabantu bakhe abaya kusala,+ njengoko kwaba njalo kumaSirayeli ngemini yokunyuka kwawo ephuma ezweni laseYiputa.

Umbhalo osemazantsi