Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INtshumayeli 9:1-18

9  Kuba konke oku ndakuthabathela entliziyweni yam, ndaza ndaphanda ngako konke,+ ukuba amalungisa nezilumko nemisebenzi yabo isesandleni soTHIXO oyinyaniso.+ Uluntu aluluqondi uthando okanye intiyo eye yabakho ngaphambi kwalo.+  Konke kubehlela ngokufanayo bonke.+ Sinye isiphelo+ kwilungisa+ nakongendawo,+ kolungileyo nakohlambulukileyo nakongahlambulukanga, kobingelelayo nakongabingeleliyo. Olungileyo uyafana nomoni;+ ofungayo uyafana nosoyikayo isifungo esinzulu.+  Kuko oku okuyintlekele kuko konke okwenzekayo phantsi kwelanga, ukuthi, ngenxa yokuba kukho isiphelo esinye kubo bonke,+ ngoko intliziyo yoonyana babantu izaliswe bububi;+ yaye kukho impambano+ entliziyweni yabo ebudeni bexesha lokudla kwabo ubomi, baze emva koko—baye kwabafileyo!+  Kuba ngokuphathelele nabani na ohlanganiswayo kubo bonke abaphilayo kukho intembelo, ngenxa yokuba inja+ ephilayo ilunge ngakumbi kunengonyama efileyo.+  Kuba abaphilayo bayazi ukuba baya kufa;+ kodwa abafileyo, abazi nto konke konke,+ abasenamvuzo, ngenxa yokuba balityelwe, abasakhunjulwa nganto.+  Uthando lwabo, intiyo yabo nekhwele labo sele latshabalala,+ yaye abasenasabelo konke konke kuyo nantoni na eyenzekayo phantsi kwelanga.+  Yiya, utye ukutya kwakho unemihlali uze usele iwayini yakho unentliziyo elungileyo,+ ngenxa yokuba uTHIXO oyinyaniso ukholisiwe yimisebenzi yakho.+  Ngazo zonke izihlandlo izambatho zakho mazibe mhlophe,+ neoli mayingasweleki entlokweni yakho.+  Yidla ubomi nomfazi omthandileyo+ ngayo yonke imihla yobomi bakho obulilize akunikileyo Yena phantsi kwelanga, yonke imihla yakho engamampunge, kuba sisabelo sakho eso ebomini+ nasekusebenzeni kwakho nzima okusebenzayo phantsi kwelanga. 10  Konke esikufumanayo ukuba sikwenze isandla sakho kwenze ngamandla akho onke,+ kuba akukho msebenzi nakuyila nakwazi+ nakulumka+ eShiyol,+ kwindawo oya kuyo.+ 11  Ndabuya ndabona phantsi kwelanga ukuba ukukhawuleza asikokwababalekayo,+ idabi asilolabanamandla,+ nokutya asikokwezilumko,+ nobutyebi+ asibobabanokuqonda, kwanobabalo asilolwabanokwazi;+ ngenxa yokuba bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.+ 12  Kuba umntu+ akalazi ixesha lakhe.+ Kanye njengeentlanzi ezibanjiswa ngomnatha ombi,+ neentaka ezibanjiswa ngesibatha,+ banjalo ukurhintyelwa kwabo oonyana babantu ngexesha lentlekele,+ xa libawela ngequbuliso.+ 13  Naku okunye endikubonileyo ngokuphathelele ubulumko phantsi kwelanga—yaye babubukhulu kum: 14  Kwakukho isixeko esincinane, yaye sasinabantu abambalwa; kwaza kwafika kuso ukumkani omkhulu, wasingqonga waza wakha nxamnye naso amagwiba amakhulu.+ 15  Kwaza kwafunyanwa kuso umntu, osweleyo kodwa esisilumko, waza wasisindisa isixeko ngobulumko bakhe.+ Kodwa akukho mntu wamkhumbulayo loo mntu usweleyo.+ 16  Ndaza mna ndathi: “Ubulumko bulunge ngakumbi kunamandla;+ kanti ubulumko besisweli buyadelwa, namazwi aso akaphulaphulwa.”+ 17  Amazwi ezilumko azolileyo aviwa+ ngakumbi kunesikhalo salowo olawula phakathi kwabantu abaziziyatha.+ 18  Ubulumko bulunge ngakumbi kunezixhobo zokulwa, yaye umoni unokutshabalalisa okulungileyo okuninzi.+

Umbhalo osemazantsi