I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INtshumayeli 7:1-29

7  Igama lilunge ngakumbi kuneoli elungileyo,+ yaye umhla wokufa ulunge ngaphezu komhla wokuzalwa.+  Kulunge ngakumbi ukuya endlwini yokuzila kunokuya endlwini yesidlo,+ ngenxa yokuba oko kukuphela koluntu lonke; yaye ophilileyo ufanele akufake entliziyweni yakhe oku.  Kulunge ngakumbi ukukhathazeka kunokuhleka,+ kuba ngokusangana kobuso intliziyo ilunga ngakumbi.+  Intliziyo yabazizilumko isendlwini yabazilileyo,+ kodwa intliziyo yesiyatha isendlwini yemihlali.+  Kulunge ngakumbi ukuva ukhalimelo lwesilumko+ kunomntu ova ingoma yabaziziyatha.+  Kuba njengesandi sameva phantsi kwembiza, kunjalo ukuhleka kwesiyatha;+ kwanako oku kungamampunge.  Kuba ingcinezelo nje isengasiphambanisa isilumko,+ yaye isipho+ sinokuyitshabalalisa intliziyo.+  Kulunge ngakumbi ukuphela kombandela kunokuqalwa kwawo.+ Ulunge ngakumbi onomonde kunalowo unomoya onekratshi.+  Musa ukukhawuleza ukucaphuka ngomoya wakho,+ kuba ukucaphuka kuhlala esifubeni sabaziziyatha.+ 10  Musa ukuthi: “Kutheni le nto imihla yangaphambili ibilunge ngakumbi kunale?”+ kuba asibobulumko+ ukukubuza oku. 11  Bulungile ubulumko kunye nelifa yaye buyingenelo kwabo babona ilanga.+ 12  Kuba ubulumko buyakhusela+ njengokuba nemali ikhusela;+ kodwa ingenelo yolwazi kukuba ubulumko bubagcina bephila abo banabo.+ 13  Wubone umsebenzi+ woTHIXO oyinyaniso, kuba ngubani na onokukwazi ukuyenza ithi tye into ayenze yagwenxa?+ 14  Ngomhla olungileyo zingqine unokulunga,+ yaye ngomhla wentlekele bona ukuba uTHIXO oyinyaniso wenze lo kanye njengalowa,+ ukuze uluntu lungafumani nantoni na konke konke emva kwalo.+ 15  Yonk’ into ndiyibonile ebudeni bemihla yam elilize.+ Kubakho ilungisa elitshabalala ebulungiseni balo,+ yaye kubekho ongendawo oqhubeka ithuba elide ebubini bakhe.+ 16  Musa ukuba lilungisa kakhulu,+ yaye ungazibonakalisi usisilumko ngokugqithiseleyo.+ Yini na ukuba uziphanzise?+ 17  Musa ukuba ngongendawo kakhulu,+ yaye ungabi sisidenge.+ Yini na ukuba ufe ingekabi lixesha lakho?+ 18  Kulunge ngakumbi ukuba ubambelele koku, kodwa nakuko okuya ungasisusi isandla sakho;+ kuba owoyika uThixo uya kuphumelela kuko konke.+ 19  Ubulumko bunamandla ngakumbi kwisilumko kunamadoda alishumi asemagunyeni esixekweni.+ 20  Kuba akukho mntu ulilungisa emhlabeni oqhubeka esenza okulungileyo angoni.+ 21  Musa ukuyinikela intliziyo yakho kuwo onke amazwi abawathethayo abantu,+ ukuze ungamva ekuqalekisa+ umkhonzi wakho. 22  Kuba intliziyo yakho yazi kakuhle ukuba nawe ubaqalekise izihlandlo ezininzi abanye.+ 23  Konke oku ndikuvavanye ngobulumko. Ndathi: “Ndiya kuba nobulumko.” Kodwa baba kude kum.+ 24  Oko kukhoyo kukude yaye kunzulu ngokugqithiseleyo. Ngubani na onokukufumana?+ 25  Ndajika mna, entliziyweni yam ukuze ndazi,+ ndikhangele, ndifune ubulumko+ nesizathu sezinto,+ nokuze ndazi ngobungendawo bobuyatha nobudenge bempambano;+ 26  ndaza ndafumanisa ukuba: Eyona nto ikrakra ngaphezu kokufa+ libhinqa elineminatha yokuzingela nelinentliziyo engumnatha orhuqwayo nelinezandla ezingamakhamandela.+ Ulungile phambi koTHIXO oyinyaniso lowo ulibalekayo, kodwa uyona lowo uthinjwa lilo.+ 27  “Yabona! Kuko oko endiye ndakufumanisa,” utsho umhlanganisi,+ “ukuba umele udibanise enye into kunye nenye, ukuze ufikelele esigqibeni,+ 28  obuqhubeka usifuna umphefumlo wam, kodwa awasifumana. Ndifumene indoda yanye kwabaliwaka, kodwa andilifumananga+ ibhinqa phakathi kwabo bonke aba.+ 29  Yabona! Koku kuphela endikufumeneyo, kukuba uTHIXO oyinyaniso walwenza uluntu lwathi tye,+ kodwa lusuke lona lwafuna amacebo amaninzi.”+

Umbhalo osemazantsi