Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INt 6:1-12

6  Kukho intlekele endiyibonileyo phantsi kwelanga, ngokufuthi phakathi koluntu:  ngumntu uTHIXO oyinyaniso amnika ubutyebi nezinto eziphathekayo nozuko+ yaye umphefumlo wakhe awuswelanga nantoni na ayilangazelelayo,+ kanti uTHIXO oyinyaniso umenza angabi nako ukudla kuzo,+ nangona umntu nje wasemzini+ esenokudla kuzo. Oku kungamampunge yaye kusisifo esibi.  Ukuba umntu uzele izihlandlo ezilikhulu,+ waza waphila iminyaka emininzi, yaba mininzi imihla yeminyaka yakhe,+ kodwa umphefumlo wakhe awaneliswa zizinto ezilungileyo+ yaye akaba nangcwaba,+ ndimele nditsho ukuthi ozelwe ngaphambi kwexesha ulunge ngakumbi kunaye.+  Kuba kulilize ukufika kwakhe yaye umka ebumnyameni, kwaye ubumnyama buya kuligubungela igama lakhe.+  Kwanelanga akalibonanga, akalazi.+ Yena lo unokuphumla kunalowa wokuqala.+  Kwanokuba ebeya kuphila iwaka leminyaka kabini kanti akakubonanga okulungileyo,+ ngaba akayi ndaweni-nye na wonk’ ubani?+  Konke ukusebenza nzima koluntu kokomlomo walo,+ kodwa kwanomphefumlo walo awuzali.  Kuba sinangenelo yantoni na isilumko ngaphezu kwesiyatha?+ Yintoni na anayo oxhwalekileyo ekwazini indlela yokuhamba phambi kwabaphilayo?  Kulunge ngakumbi ukubona ngamehlo kunokuhambahamba komphefumlo.+ Kwanako oku kungamampunge nokusukelana nomoya.+ 10  Nayiphi na into ekhoyo, igama layo sele livakalisiwe, yaye kuyaziwa oko umntu akuko;+ yaye akanakukwazi ukuligweba ityala lalowo unamandla ngakumbi kunaye.+ 11  Ngenxa yokuba kukho izinto ezininzi ezibangela amampunge amaninzi,+ iyintoni na ingenelo umntu anayo koko? 12  Kuba ngubani na okwaziyo okumlungeleyo umntu ebomini+ ngenani lemihla yobomi bakhe obulilize, xa eyichitha njengesithunzi?+ Kuba ngubani na onokumxelela umntu oko kuya kwenzeka emva kwakhe phantsi kwelanga?+

Umbhalo osemazantsi