I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INtshumayeli 5:1-20

5  Lulinde unyawo lwakho+ xa sukuba usiya endlwini yoTHIXO oyinyaniso; yaye sondela ukuze uve,+ endaweni yokuba unikele umbingelelo njengoko besenza abaziziyatha,+ kuba ukwenza okubi abakuqondi.+  Musa ukukhawuleza ngomlomo wakho; intliziyo yakho+ mayingangxami ukuzisa ilizwi phambi koTHIXO oyinyaniso.+ Kuba uTHIXO oyinyaniso usemazulwini+ kodwa wena usemhlabeni. Kungenxa yoko le nto amazwi akho efanele abe mbalwa.+  Kuba ngokuqinisekileyo iphupha lifika ngenxa yomsebenzi omninzi,+ yaye ilizwi lesiyatha lifika ngenxa yamazwi amaninzi.+  Xa sukuba ubhambathisa isibhambathiso kuThixo, musa ukuthingaza ukusifezekisa,+ ngokuba akayoliswa ziziyatha.+ Oko ukubhambathisileyo, kufezekise.+  Kulunge ngakumbi ukuba ungabhambathisi+ kunokuba ubhambathise ungafezekisi.+  Musa ukuvumela umlomo wakho uyonise inyama yakho,+ ungatsho naphambi kwengelosi+ ukuthi oko bekuyimpazamo.+ Kutheni uTHIXO oyinyaniso efanele acaphuke ngenxa yelizwi lakho aze awonakalise umsebenzi wezandla zakho?+  Kuba ngenxa yomsebenzi omninzi kukho amaphupha,+ yaye kukho amampunge namazwi amaninzi. Kodwa yoyika uTHIXO oyinyaniso.+  Ukuba ubona kucinezelwa osweleyo, kuhluthwa nesigwebo+ ngogonyamelo nobulungisa kwiphondo, musa ukuthi manga+ yiloo nto, kuba ophakame ngakumbi+ kunalowo uphakamileyo ujongile,+ yaye kukho abo bangaphezulu kubo.  Ingenelo yomhlaba iphakathi kwabo bonke;+ kuba ukumkani uyakhonzwa ngomhlaba.+ 10  Umthandi nje wesilivere akayi kwaneliswa yisilivere, nabani na othanda indyebo akaneliswa yingeniso.+ Kwanako oku kungamampunge.+ 11  Xa izinto ezilungileyo zininzi, abo bazidlayo ngokuqinisekileyo baba baninzi.+ Yaye iyintoni na ingenelo kumniniyo ozukileyo, ngaphandle kokuzikhangela ngamehlo akhe?+ 12  Bumnandi ubuthongo bokhonzayo,+ enoba udla kancinane okanye kakhulu; kodwa indyebo yesityebi ayisivumeli ukuba silale. 13  Kukho intlekele enkulu endiyibonileyo phantsi kwelanga: ubutyebi obugcinelwa umninibo ozukileyo buyintlekele kuye.+ 14  Yaye obo butyebi buyatshabalala+ ngenxa yomsebenzi oyintlekele, yaye uye wazala unyana xa kungekho nto konke konke esandleni sakhe.+ 15  Kanye njengokuba ubani waphumayo esiswini sikanina, uya kubuya emke eze,+ kanye njengoko wezayo; akukho nto anokuyithwala emsebenzini onzima awenzileyo,+ anokuyithabatha ngesandla sakhe. 16  Yaye kwanako oku kuyintlekele enkulu: kanye njengoko ubani weza enjalo, uya kumka kwanjengoko weza ngako; yaye iyintoni na ingenelo kulowo uqhubeka esebenzela umoya nzima?+ 17  Yonke imihla yakhe udla ebumnyameni, enengqumbo enkulu,+ egula yaye ecaphuka. 18  Khangela! Eyona nto ilungileyo ndiyibonileyo, nentle, kukuba ubani  adle, asele aze abone okulungileyo ekusebenzeni kwakhe nzima+ akusebenzayo phantsi kwelanga ngemihla yobomi bakhe amnike yona uTHIXO oyinyaniso, kuba kusisabelo sakhe oko. 19  Wonke umntu uTHIXO oyinyaniso amnike ubutyebi nezinto eziphathekayo,+ umnike igunya lokuba adle kuzo+ aze athabathe isabelo sakhe, avuye ngokusebenza kwakhe nzima.+ Esi sisipho sikaThixo.+ 20  Kuba ngokufuthi akayi kuyikhumbula imihla yobomi bakhe, ngenxa yokuba uTHIXO oyinyaniso umzalisa ngemihlali yentliziyo yakhe.+

Umbhalo osemazantsi