I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INtshumayeli 4:1-16

4  Ndabuya ke ndazibona zonke izenzo zengcinezelo+ ezenziwayo phantsi kwelanga, yaye, khangela! iinyembezi zabo bacinezelweyo,+ kodwa bengenamthuthuzeli;+ yaye kwicala labacinezeli kwakukho amandla, khon’ ukuze bangabi namthuthuzeli.  Ndaza ndavuyisana nabafileyo abasele befile kade kunabaphilayo abasaphilayo ngoku.+  Ngoko ulunge ngakumbi kunabo bobabini ongekabikho,+ ongekawuboni umsebenzi oyintlekele owenziwayo phantsi kwelanga.+  Ndaza mna ndakubona konke ukusebenza nzima nabo bonke ubugcisa emsebenzini,+ oko kuthetha ukusukuzana omnye nomnye;+ kwanako oko kungamampunge nokusukelana nomoya.  Isiyatha sisonga izandla zaso+ size sidle inyama yaso.+  Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.+  Ndabuya mna ndabona amampunge phantsi kwelanga:  Kukho omnye, engekho owesibini;+ akanaye unyana okanye umntakwabo,+ kodwa akukho siphelo kuko konke ukusebenza kwakhe nzima. Akaneli amehlo akhe bubutyebi:+ “Yaye ngubani endimsebenzela nzima ndize ndiwubandeze izinto ezilungileyo umphefumlo wam?”+ Kwanako oku kungamampunge, nomsebenzi oyintlekele.+  Ababini balunge ngakumbi kunomnye,+ ngenxa yokuba banomvuzo ngomsebenzi wabo onzima.+ 10  Ngokuba xa omnye wabo esiwa, omnye unokuliphakamisa iqabane lakhe.+ Kodwa wothini na oyedwa owayo xa kungekho omnye wokumphakamisa?+ 11  Ngaphezu koko, ukuba ababini balala kunye, ngokuqinisekileyo baya kufudumala; kodwa unokufudumala njani na omnye?+ 12  Yaye ukuba ubani unokongamela omnye, ababini bekunye banokuma nxamnye naye.+ Yaye intambo entlu-ntathu ayinakuqhawuka kubini ngokukhawuleza. 13  Ulunge ngakumbi umntwana osisisweli+ kodwa esisilumko kunokumkani+ omdala kodwa esisiyatha, ongasakuvayo ukulunyukiswa.+ 14  Kuba uphume endlwini yentolongo ukuba abe ngukumkani,+ nangona ezelwe njengosweleyo ebukumkanini balowo.+ 15  Ndababona bonke abaphilayo abahambahambayo phantsi kwelanga, kunye nendlela umntwana, wesibini, ema ngayo esikhundleni salowo.+ 16  Akukho ukuphela kubo bonke abantu, kubo bonke awayengaphambi kwabo;+ abantu abayi kuvuya emva koko ngaye,+ ngokuba kwanako oku kungamampunge nokusukelana nomoya.+

Umbhalo osemazantsi