I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INtshumayeli 3:1-22

3  Yonke into inexesha layo elimisiweyo,+ nomcimbi wonke unexesha lawo phantsi kwamazulu:  kukho ixesha lokuzalwa+ nexesha lokufa;+ kukho ixesha lokutyala nexesha lokuncothula oko bekutyaliwe;+  kukho ixesha lokubulala+ nexesha lokuphilisa;+ kukho ixesha lokudiliza nexesha lokwakha;+  kukho ixesha lokulila+ nexesha lokuhleka;+ kukho ixesha lokwenza isijwili+ nexesha lokudloba;+  kukho ixesha lokulahla amatye+ nexesha lokubuthela amatye ndawonye;+ kukho ixesha lokuwola+ nexesha lokuyeka ukuwola;+  kukho ixesha lokufuna+ nexesha lokulahlekelwa; kukho ixesha lokugcina nexesha lokulahla;+  kukho ixesha lokukrazula+ nexesha lokuthunga;+ kukho ixesha lokuthi cwaka+  nexesha lokuthetha;+  kukho ixesha lokuthanda nexesha lokuthiya;+ kukho ixesha lemfazwe+ nexesha loxolo.+  Unangenelo yiphi umenzi ngoko akusebenzele nzima?+ 10  Ndiwubonile umsebenzi athe uThixo wawunika oonyana babantu ukuba bazixakekise ngawo.+ 11  Yonk’ into uyenze yantle ngexesha layo.+ Kwanexesha elingenammiselo ulibeke ezintliziyweni zabo,+ ukuze uluntu lungaze luwufumane umsebenzi uTHIXO oyinyaniso awenzileyo ukususela ekuqaleni kuse ekupheleni.+ 12  Ndiyazi ukuba akukho nto ilunge ngakumbi kulo kunokuba nemihlali nokwenza okulungileyo ebudeni bokudla kwalo ubomi;+ 13  kwanokuba wonk’ umntu ufanele adle, asele aze ngokwenene abone okulungileyo kuko konke ukusebenza kwakhe nzima.+ Sisipho sikaThixo eso.+ 14  Ndiyazi ukuba yonk’ into ayenzayo uTHIXO oyinyaniso, iya kuba yeyexesha elingenammiselo.+ Akukho kongeza nakunciphisa kuyo;+ kuba nguTHIXO oyinyaniso ngokwakhe oyenzileyo,+ ukuze abantu bamoyike.+ 15  Oko kukhoyo, bekusele kukho, oko kuza kubakho kungqineke ukuba kwakukho;+ yaye uTHIXO oyinyaniso+ ufuna oko kusukelwayo.+ 16  Yaye ngokubhekele phaya ndabona phantsi kwelanga indawo yokusesikweni apho kwakukho ubungendawo nendawo yobulungisa apho kwakukho ubungendawo.+ 17  Ndathi mna entliziyweni yam:+ “UTHIXO oyinyaniso uya kugweba ilungisa nongendawo,+ ngokuba kukho ixesha layo yonke imicimbi, nangokuphathelele wonke umsebenzi apho.”+ 18  Ndathi mna, entliziyweni yam ngokubhekisele koonyana boluntu uTHIXO oyinyaniso uza kubakhetha, ukuze bazibone ngokwabo ukuba bazizilo.+ 19  Siyafana isiphelo soonyana boluntu nesiphelo sesilo.+ Njengoko kunjalo ukufa kwaso, kunjalo nokufa kwabo;+ yaye zonke zinomoya omnye,+ khon’ ukuze kungabikho kongama komntu kunesilo, ngokuba yonk’ into ingamampunge. 20  Zonke ziya ndaweni nye.+ Zonke zavela eluthulini,+ yaye zonke zibuyela eluthulini.+ 21  Ngubani na ke ngoko owaziyo ukuba umoya woonyana babantu unyukela phezulu; uze wona umoya wesilo wehlele ezantsi emhlabeni?+ 22  Yaye ndabona ukuba akukho nto ilunge ngakumbi kunokuba umntu abe nemihlali ngemisebenzi yakhe,+ kuba kusisabelo sakhe oko; ngenxa yokuba uya kungeniswa ngubani na ukuba akhangele oko kuya kubakho emva kwakhe?+

Umbhalo osemazantsi