I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INtshumayeli 2:1-26

2  Ndathi mna entliziyweni yam:+ “Yiza, ke ndikulinge ngemihlali.+ Bona okulungileyo.”+ Yaye, khangela! kwanaloo nto ingamampunge.  Ndathi kohlekayo: “Akunangqondo!”+ nakonemihlali:+ “Wenza ntoni na lo?”  Ndakhangela entliziyweni yam ukuba ndichwayitise inyama yam ngewayini,+ ngoxa ndandiyikhokela ngobulumko intliziyo yam,+ kwanangokubamba ubuyatha de ndakubona oko kulungileyo bakwenzileyo oonyana babantu phantsi kwamazulu ngenani lemihla yobomi babo.+  Ndazenzela imisebenzi emikhulu ngakumbi.+ Ndazakhela izindlu;+ ndazityalela izidiliya.+  Ndazenzela+ imiyezo neepaki, ndaza ndatyala kuzo zonke iintlobo zemithi yeziqhamo.  Ndazenzela amachibi amanzi,+ okulinkcenkceshela ngawo ihlathi, elintshula imithi.+  Ndazuza izicaka nezicakakazi,+ ndaza ndaba noonyana bendlu.+ Ndaba nemfuyo, iinkomo nemihlambi emininzi, ngaphezu kwabo bonke ababephambi kwam eYerusalem.+  Ndaziqwebela isilivere negolide,+ nempahla enqabileyo yookumkani namaphondo.+ Ndazenzela iimvumi neemvumikazi+ noyolo olugqibeleleyo+ loonyana boluntu, inenekazi kwanamanenekazi.+  Yaye ndaba mkhulu ngakumbi ndaza ndanda ngaphezu kwakhe nabani na owakha wakho phambi kwam eYerusalem.+ Ngaphezu koko, ubulumko bam bahlala ibobam.+ 10  Andiwabandezanga nantoni na ayicelayo amehlo am.+ Andayivimba intliziyo yam naluphi na uhlobo lwemihlali, kuba intliziyo yam yayivuya kuko konke ukusebenza kwam nzima,+ yaye esi yaba sisahlulo sam kuko konke ukusebenza kwam nzima.+ 11  Ndaza mna, ndaguqukela kuyo yonke imisebenzi yam eyenziwe zizandla zam nokusebenza kwam nzima endikusebenze nzima ukuze ndikufeze,+ yaye, khangela! yonk’ into yayingamampunge nokusukelana nomoya,+ yaye kwakungekho ngenelo phantsi kwelanga.+ 12  Ndaza mna, ndajika ukuba ndibone ubulumko,+ impambano nobuyatha;+ kuba yintoni na eyenziwa ngumntu wasemhlabeni oza emva kokumkani? Loo nto abantu babesele beyenzile. 13  Ndaza ndabona mna, ukuba kukho ingenelo ngakumbi ebulumkweni kunasebuyatheni,+ kanye njengokuba kukho ingenelo ngakumbi ekukhanyeni kunasebumnyameni.+ 14  Ngokubhekisele kosisilumko, amehlo akhe asentlokweni yakhe;+ kodwa osisiyatha uhamba ebumnyameni obupheleleyo.+ Ndaza mna, ndazi ukuba bonke bafikelwa sisiphelo esinye.+ 15  Ndathi ke mna entliziyweni yam:+ “Njengoko isiphelo sisifikela isidenge+ siya kundifikela nam, ewe, mna.”+ Kutheni, ke ngoko, ndiye ndalumka kakhulu+ ngelo xesha? Ndaza ndathi entliziyweni yam: “Kwanako oku kungamampunge.” 16  Kuba asikhunjulwa ngakumbi isilumko kunesiyatha ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Kwimihla ezayo, ngokuqinisekileyo wonk’ ubani uyalityalwa; yaye siya kufa njani isilumko? Sifa kunye nesiyatha.+ 17  Ndaza ndabuthiya ubomi,+ ngenxa yokuba umsebenzi owenziweyo phantsi kwelanga ube yintlekele ngokwembono yam,+ kuba yonk’ into ingamampunge nokusukelana nomoya.+ 18  Ndaza, mna, ndakuthiya ukusebenza nzima endakwenzayo phantsi kwelanga,+ ekubeni ndiya kukushiya nomntu oya kubakho emva kwam.+ 19  Yaye ngubani na okwaziyo ukuba uya kuba sisilumko okanye uya kuba sisidenge?+ Kanti uya kukulawula konke ukusebenza kwam nzima endakusebenzayo nendabonisa ubulumko ngako phantsi kwelanga.+ Kwanako oku kungamampunge. 20  Ndaza mna ndajika ekuyenzeni iphelelwe lithemba+ intliziyo yam kuko konke ukusebenza nzima endakusebenzayo phantsi kwelanga. 21  Kuba kukho umntu omsebenzi wakhe onzima ungowobulumko nokwazi nobugcisa,+ kodwa umntu ongayisebenzelanga nzima loo nto uya kunikwa isahlulo sakhe.+ Kwanako oku kungamampunge nentlekele enkulu.+ 22  Kuba unantoni na umntu ngako konke ukusebenza nzima kwakhe nemizamo yentliziyo yakhe ayisebenza nzima phantsi kwelanga?+ 23  Kuba yonke imihla yomsebenzi wakhe ithetha iintlungu nokukhathazeka,+ kwakhona ebusuku intliziyo yakhe ayiphumli.+ Kwanako oku kungamampunge nje. 24  Akukho nto elunge ngakumbi emntwini kunokuba adle, asele aze enze umphefumlo wakhe ubone okulungileyo ngenxa yokusebenza kwakhe nzima.+ Kwanako oku ndikubonile mna, ukuba oku kuvela esandleni soTHIXO oyinyaniso.+ 25  Kuba ngubani na odla+ nosela ngakumbi kunam?+ 26  Kuba umntu olungileyo phambi kwakhe+ umnike ubulumko, ukwazi nemihlali,+ kodwa umoni umnike umsebenzi wokuhlanganisa nokubuthela ndawonye ukuze nje kuphela anike lowo ulungileyo phambi koTHIXO oyinyaniso.+ Kwanako oku kungamampunge nokusukelana nomoya.+

Umbhalo osemazantsi