Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INt 11:1-10

11  Siphose isonka sakho+ phezu kwamanzi,+ kuba uya kuphinda usifumane emva kwemihla emininzi.+  Nika babe sixhenxe isahlulo sakho, okanye abasibhozo,+ kuba akuyazi intlekele eya kwenzeka emhlabeni.+  Ukuba amafu azele ngamanzi, aziqongqothela phezu komhlaba izantyalantyala zemvula;+ yaye ukuba umthi uwela ngasemzantsi okanye ngasemntla, kwindawo owela kuyo umthi+ uya kuba kuloo ndawo.  Olinda umoya akayi kuyihlwayela imbewu;  nokhangela amafu akayi kuvuna.+  Kanye njengokuba ungayiqondi ukuba iyini na indlela yomoya emathanjeni asesiswini somithiyo,+ ngokunjalo akuwazi umsebenzi woTHIXO oyinyaniso, owenza izinto zonke.+  Kusasa hlwayela imbewu yakho, yaye ungasiphumzi isandla sakho de kube ngokuhlwa;+ kuba akuyazi indawo oya kuphumelela kuyo,+ enoba kulapha okanye phaya, okanye enoba ziya kulunga zombini ngokufanayo.  Kumnandi ukukhanya, yaye kulungile emehlweni ukulibona ilanga;+  kuba ukuba umntu uthe waphila iminyaka emininzi, kuyo yonke makabe nemihlali.+ Makakhumbule imihla yobumnyama,+ nangona inokuba mininzi; mhla ngamnye ozayo ungamampunge.+  Yiba nemihlali,+ mfana, ebutsheni bakho, uyenzele okulungileyo intliziyo yakho ngemihla yobufana bakho, uze uhambe ngeendlela zentliziyo yakho nangokubona kwamehlo akho.+ Kodwa yazi ukuba ngenxa yezi zinto zonke uTHIXO oyinyaniso uya kukusa ekugwetyweni.+ 10  Ngoko ke yishenxise ingqumbo entliziyweni yakho, uze uyinqande intlekele enyameni yakho;+ kuba ubutsha nokuza ngobuso ebomini ngamampunge.+

Umbhalo osemazantsi