I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INtshumayeli 10:1-20

10  Iimpukane ezifileyo ziyibangela inuke kakubi ioli yomenzi+ wezithambiso, yaye ibile. Benza ngokukwanjalo ubudenge obuncinane koxabisekileyo ngobulumko nozuko.+  Intliziyo yesilumko ingasekunene kwaso,+ kodwa intliziyo yesiyatha ingasekhohlo kwaso.+  Isidenge, nakweyiphi na indlela esihamba kuyo,+ intliziyo yaso iyaswela, yaye sithi kuye wonke ubani usisidenge.+  Ukuba umoya womlawuli uyanyuka nxamnye nawe, musa ukuyishiya indawo yakho,+ ngokuba ukuzola kuthintela izono ezinzulu.+  Kukho into eyintlekele endiyibonileyo phantsi kwelanga, njengaxa kukho impazamo+ ngenxa yalowo usemagunyeni:+  Ubudenge bubekwa kwizikhundla ezininzi eziphakamileyo,+ kodwa abazizityebi baqhubeka behlala kwiindawo nje eziphantsi.  Ndibabone abakhonzi bekhwele amahashe kodwa iinkosana zihamba kanye njengabakhonzi emhlabeni.+  Owemba umhadi uya kuwela kanye kuwo;+ yaye owaphula udonga lwamatye, inyoka iya kumluma.+  Owemba amatye uya kuzenzakalisa ngawo. Ocanda iinkuni umele azilumkele.+ 10  Ukuba isixhobo sentsimbi siba buthuntu yaye uthile akalulolanga uhlangothi lwaso,+ ngoko uya kuwabhokoxa amandla akhe. Ngoko ubulumko obusetyenziselwa impumelelo buyingenelo.+ 11  Ukuba lowo unobuchule bokulawula iinyoka uthe walunywa yiyo,+ ngoko akuyongenelo nganto ukuphimisela kwakhe ngolwimi. 12  Amazwi omlomo wesilumko alubabalo,+ kodwa imilebe yesiyatha iyasiginya.+ 13  Ukuqala kwamazwi omlomo waso bubudenge,+ nesiphelo emva komlomo waso yintlekele. 14  Yaye isidenge sithetha amazwi amaninzi.+ Umntu akakwazi okuya kwenzeka; noko kuya kuza emva kwakhe, ngubani na onokumxelela?+ 15  Ukusebenza nzima kweziyatha kuyazityhafisa,+ ngenxa yokuba akukho nasinye esiyaziyo indlela eya esixekweni.+ 16  Kuya kuba njani kuwe lizwe, xa ukumkani wakho eyinkwenkwe+ neenkosana zakho ziqhubeka zisidla kwakusasa? 17  Hayi uyolo lwakho lizwe, xa ukumkani wakho engunyana wezidwangube neenkosana zakho zisitya ngexesha elifanelekileyo ukuze zizuze amandla, kungekhona ngenjongo yokusela.+ 18  Ngobuvila obukhulu iyawohloka imiqadi, nangokuyekelel’ izandla indlu iyavuza.+ 19  Isonka sibenza bahleke abasebenzi, yaye iwayini ibenza bube nemihlali ubomi;+ kodwa kuzo zonke izinto yimali ethethayo.+ 20  Kwanakwigumbi lakho lokulala musa ukumqalekisa ukumkani,+ yaye kumagumbi angaphakathi kwindawo olala kuyo musa ukumqalekisa lowo usisityebi;+ ngokuba isidalwa esiphaphazelayo sasemazulwini siya kudlulisela isandi nento enamaphiko iya kuwuxela umbandela.+

Umbhalo osemazantsi