I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INtshumayeli 1:1-18

1  Amazwi omhlanganisi,+ unyana kaDavide ukumkani waseYerusalem.+  “Amampunge awo amampunge!”+ utsho umhlanganisi, “amampunge awo amampunge! Yonk’ into ingamampunge!”+  Iyintoni ingenelo umntu ayifumanayo kuko konke ukusebenza+ nzima akusebenzayo phantsi kwelanga?+  Kumka esinye isizukulwana,+ kufike esinye isizukulwana;+ kodwa umhlaba umi ixesha elingenammiselo.+  Ilanga liyakhazimla, yaye ilanga libuya litshone,+ likhawuleze liye endaweni yalo apho liya kukhazimla khona.+  Umoya uya emzantsi, uze ujikeleze uye emntla.+ Uyaqhubeka ujikeleza,+ uze umoya ubuyele ekujikelezeni+ kwawo.  Yonke imisinga yasebusika+ iya elwandle,+ ukanti ulwandle aluzali.+ Kwindawo eya kuyo imisinga yasebusika, ibuyela kwakuyo.+  Zonke izinto ziyindinisa;+ akukho bani unako ukuthetha ngazo. Iliso alaneli kukubona,+ nendlebe ayizali kukuva.+  Oko kwakha kwakho, kuya kuphinda kubekho;+ oko kwakha kwenzeka kuya kuphinda kwenzeke; ngoko akukho nto intsha phantsi kwelanga.+ 10  Ngaba kukho nantoni na ekunokuthiwa ngayo: “Yabona le; intsha”? Ibiselikho ixesha elingenammiselo;+ oko kubekho ukususela ngaphambi kwexesha lethu.+ 11  Abakhunjulwa abantu bamaxesha angaphambili, nabo baya kubakho kamva.+ Abayi kukhunjulwa kwanangabo baphakathi kwabo abo baya kubakho kamva.+ 12  Mna, mhlanganisi, ndibe ndingukumkani kuSirayeli eYerusalem.+ 13  Ndaza ndayimisela intliziyo yam ekufuneni nasekukhangeleni ubulumko+ ngokuphathelele yonk’ into eyenzekayo phantsi kwamazulu—umsebenzi oyintlekele uThixo awunike oonyana boluntu ukuba ubaxakekise.+ 14  Ndayibona yonke imisebenzi eyenziwayo phantsi kwelanga,+ yaye, khangela! yonk’ into ingamampunge nokusukelana nomoya.+ 15  Oko kwenziwe kwagwenxa akunakwenziwa kuthi tye,+ yaye into engekhoyo ayinakubalwa. 16  Ndathetha mna nentliziyo yam,+ ndathi: “Khangela! Ndizandisele ubulumko kakhulu ngaphezu kwakhe nabani na owakha waphambi kwam eYerusalem,+ intliziyo yam yabona ubulumko obuninzi nokwazi.”+ 17  Ndaza ndayinikela intliziyo yam ekwazini ubulumko nasekwazini impambano,+ ndaza ndabazi ubuyatha,+ kwanako oku kukusukelana nomoya.+ 18  Kuba ebuninzini bobulumko kukho ubuninzi bokukhathazeka,+ ukuze lowo wandisa ukwazi andise intlungu.+

Umbhalo osemazantsi