I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INgoma yazo iiNgoma 8:1-14

8  “Owu akwaba ubunjengomtakwethu,+ obesanya amabele kamama!+ Ukuba bendikufumene phandle, bendiya kukwanga.+ Abantu bebengayi kundidelela.  Bendiya kukukhokela, ndikuse endlwini kamama,+ owandifundisayo. Bendiya kukunika ukuba usele iwayini eqholiweyo,+ incindi entsha yeerharnati.  Isandla sakhe sasekhohlo besiya kuba phantsi kwentloko yam; ingalo yakhe yasekunene—ibiya kundiwola.+  “Ndiyanifungisa, zintombi zaseYerusalem, ukuba ningazami ukuluvusa okanye niluvuluselele uthando lwam lude luzivukele ngokwalo.”+  “Ngubani na eli bhinqa+ linyuka livela entlango,+ lisayama kwisithandwa salo?”+ “Ngaphantsi kom-apile ndakuvuselela. Apho waba nenimba ngawe unyoko. Apho waba nenimba owakuzalayo.+  “Ndibeke njengetywina entliziyweni yakho,+ njengetywina engalweni yakho; ngenxa yokuba uthando lunamandla njengokufa,+ ukuzingisa ekufuneni uzinikelo olupheleleyo+ akuyekeleli njengeShiyol. Amalangatye alo ngamalangatye omlilo, idangatye likaYa.+  Amanzi amaninzi akanako ukulucima uthando,+ nemilambo ayinakulukhukulisa.+ Ukuba umntu ebeya kunikela ngezinto zakhe zonke ezixabisekileyo ngenxa yothando, abantu bebeya kumdelela.”  “Sinodade wethu omncinane+ akanamabele. Siya kumenzela ntoni na udade wethu mhla kuya kuthethwa ngaye?”  “Ukuba uya kuba ludonga,+ siya kwakhela phezu kwakhe uqoqo lwesilivere; kodwa ukuba uya kuba lucango,+ siya kumthintela ngeplanga lomsedare.” 10  “Ndiludonga mna, namabele am anjengeenqaba.+ Emehlweni akhe ndibe njengalowo ufumene uxolo. 11  “USolomon wayenesidiliya+ eBhahali-hamon. Isidiliya wasinika abagcini.+ Ngamnye ebeye azise iwaka lesilivere ngesiqhamo saso. 12  “Isidiliya sam, sesam, siselungelweni lam. Iwaka elo lelakho,  Solomon, yaye amakhulu amabini ngawabo bagcina isiqhamo saso.” 13  “Owu wena uhlala emiyezweni,+ amaqabane anikela ingqalelo kwilizwi lakho. Mandilive.”+ 14  “Baleka umke, sithandwa sam, uze uxelise ibhadi okanye amankonyana amaxhama ezintabeni zeziqholo.”+

Umbhalo osemazantsi