I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INgoma yazo iiNgoma 7:1-13

7  “Hayi indlela ekukuhle ngayo ukunyathela kwakho ngeembadada zakho,+ wena ntombi evumayo!+ Amagophe amathanga akho anjengezihombiso,+ ngumsebenzi wezandla zamagcisa.  Inkaba yakho sisitya esibusazinge. Mayingapheli iwayini ephithikeziweyo+ kuso. Isisu sakho siyimfumba yengqolowa, ibiyelwe ngeenyibiba.+  Amabele akho amabini anjengamankonyana, amawele ebhadikazi.+  Intamo yakho+ injengenqaba yophondo lwendlovu. Amehlo akho+ anjengamachibi aseHeshbhon,+ ngasesangweni laseBhati-rabhim. Impumlo yakho injengenqaba yaseLebhanon, ibheke eDamasko.  Intloko yakho phezu kwakho injengeKarmele,+ yaye ubuyakayaka+ bentloko yakho bunjengoboya obudaywe bamfusa bubomvu.+ Ukumkani ubotshwe kukuphotheka.+  Hayi indlela omhle ngayo, yaye hayi indlela othandeka ngayo, ntombi eyintanda, phakathi koyolo olugqibeleleyo!+  Isithomo sakho sifana nomthi wesundu,+ yaye amabele akho,+ afana nezicumba zedatilisi.  Ndithe, ‘Ndiya kukhwela emthini wesundu, ukuze ndibambe amagqabi awo edatilisi.’+ Yaye, nceda, amabele akho makabe njengezihloko zomdiliya, nevumba elimnandi lempumlo yakho libe njengama-apile,  nenkalakahla yakho ibe njengeyona wayini ilungileyo+ ehla ngokulula+ kwisithandwa sam, eyehla kamnandi kwimilebe yabaleleyo.” 10  “Ndingowesithandwa sam,+ yaye ikum inkanuko yaso.+ 11  Yiza, sithandwa sam, masiye entsimini;+ masiye kuhlala phakathi kwezityalo zehena.+ 12  Masivuke ekuseni siye ezidiliyeni, sibone enoba umdiliya uhlumile,+ intyatyambo idubule,+ imithi yerharnati idubule kusini na.+ Apho ndiya kuthetha nawe ngezincokoliso zothando.+ 13  Amathuma+ anike ivumba lawo elimnandi, nangasemasangweni ethu kukho zonke iintlobo zezona ziqhamo zibalaseleyo.+ Ezitsha kwanezidala, sithandwa sam, ndizigcinele wena.

Umbhalo osemazantsi