I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INgoma yazo iiNgoma 6:1-13

6  “Siye phi na isithandwa sakho, wena uyeyona nzwakazi phakathi kwamabhinqa?+ Sijikele ngaphi na isithandwa sakho, ukuze sikufunise sona?”  “Isithandwa sam siye emyezweni waso,+ emyezweni wezityalo zeziqholo,+ ukuba saluse+ phakathi kwemiyezo, sikhe neenyibiba.  Ndingowesithandwa sam, yaye isithandwa sam sesam.+ Salusa+ phakathi kweenyibiba.”  “Umhle, ntombazana eliqabane lam,+ njengesiXeko Esithandekayo,+ ubukeka njengeYerusalem,+ woyikeka njengemikhosi+ eneebhanile.+  Wasuse amehlo akho+ phambi kwam, kuba ayandothusa. Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhwe owehla uvela eGiliyadi.+  Amazinyo akho anjengomhlambi weemazi zegusha onyuka uvela ekuhlanjweni, wonke uzala amawele, akukho nenye kuwo elahlekelwa ngamatakane.+  Zinjengeqhezu lerharnati iintlafuno emva kwesigqubuthelo sakho.+  Kusenokubakho ookumkanikazi abangamashumi amathandathu namashweshwe angamashumi asibhozo neentombi ezingenakubalwa.+  Mnye olihobe lam,+ ongenakusoleka.+ Mnye kuphela kunina. Usulungekile kowamzalayo. Iintombi zambona, zaza zambhengeza enoyolo; ookumkanikazi namashweshwe, bamdumisa,+ 10  ‘Ngubani na eli bhinqa+ likhangele phantsi njengesifingo,+ lihle njengenyanga ehlangeneyo,+ lisulungeke njengelanga eliqaqambileyo,+ loyikeka njengemikhosi eneebhanile?’”+ 11  “Bendihlile ndaya emyezweni+ womthi weenqoba, ukuze ndibone ithupha lasentlanjeni,+ ukubona enoba umdiliya uhlumile kusini na, enoba imithi yerharnati ityatyambile kusini na.+ 12  Ndingaqondanga, umphefumlo wam wandibeka kwiinqwelo zabantu bam abavumayo.” 13  “Buya, buya, mShulami! Buya, buya, ukuze sikubone!”+ “Nibona ntoni na kumShulami?”+ “Umngqungqo ngokungathi ngowamaqela amabini!”

Umbhalo osemazantsi