Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INgoma 4:1-16

4  “Khangela! Umhle,+ ntombazana eliqabane lam. Khangela! Umhle. Amehlo akho anjengawamahobe,+ emva kweso sigqubuthelo sakho.+ Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhwe+ owehla kummandla weentaba waseGiliyadi.+  Amazinyo akho anjengomhlambi weemazi zeegusha+ ezisandul’ ukuchetywa ezivela kuhlanjwa, zonke zizala amawele, akukho zilahlekelwa ngamatakane azo.  Imilebe yakho injengomsonto oyingqombela, yaye ukuthetha kwakho kukholekile.+ Zinjengeqhezu lerharnati iintlafuno zakho emva kweso sigqubuthelo sakho.+  Intamo yakho+ injengenqaba+ kaDavide, eyakhiwe ngamatye, ngaphezu kwayo kuxhonywe iwaka lamakhaka, onke amakhaka+ abusazinge amadoda anamandla.  Amabele akho+ amabini anjengamankonyana amabini angamawele ebhadikazi, adla phakathi kweenyibiba.”+  “Ide iphole imini+ anabe amathunzi, ndiya kuhamba ndiye entabeni yemore nakwinduli yentlaka yokuqhumisa.”+  “Umhle ngokupheleleyo,+ ntombazana eliqabane lam, yaye akunasiphene.+  Yiza sihle eLebhanon, mtshakazi,+ yiza sihle eLebhanon.+ Yihla phezu kweAnti-Lebhanon, suka phezu kweSenire,+ naseHermon,+ kwisikhundla seengonyama, ezintabeni zamahlosi.  Uyenze yabetha intliziyo yam, dade wethu,+ mtshakazi wam,+ uyenze yabetha intliziyo yam ngelinye lamehlo akho,+ ngesinye isambalo sentsimbi yakho yomqala. 10  Hayi indlela ezimnandi ngayo izincokoliso zakho zothando,+ dade wethu, mtshakazi wam! Hayi indlela ezilunge ngakumbi ngayo kunewayini nevumba elimnandi leeoli zakho kunazo zonke iintlobo zobulawu!+ 11  Imilebe yakho ivuza+ inqatha mtshakazi wam. Ubusi+ nobisi zingaphantsi kolwimi lakho, yaye ivumba elimnandi lezambatho zakho linjengevumba elimnandi+ laseLebhanon. 12  Ngumyezo obiyelweyo udade wethu,+ umtshakazi wam, ngumyezo obiyelelweyo, umthombo otywiniweyo. 13  Ulusu lwakho yiparadesi yerharnati, nezona ziqhamo zibalaseleyo,+ izityalo zehena kunye nezityalo zenadusi;+ 14  inadusi+ nesafron,+ ingcongolo yeziqholo+ nesinamon,+ nazo zonke iintlobo zemithi yentlaka yokuqhumisa, imore nekhala,+ kunye nabo bonke obona bulawu bulungileyo;+ 15  nomthombo wemiyezo, nequla lamanzi ahlaziyayo,+ nomsinga othontsizayo ovela eLebhanon.+ 16  Vuka, moya wasentla, yiza, moya wasezantsi.+ Phephezelisa umyezo wam.+ Masithontsizise ubulawu baso.” “Masingene isithandwa sam emyezweni waso size sidle ezona ziqhamo zibalaseleyo zawo.”

Umbhalo osemazantsi