I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INgoma yazo iiNgoma 3:1-11

3  “Emandlalweni wam ebudeni bobusuku ndamfuna lowo uthandwa ngumphefumlo wam.+ Ndamfuna, kodwa andamfumana.  Mandivuke, ndize ndihambahambe esixekweni;+ ezitratweni nakwiindawo zembutho+ ndimfune lowo uthandwa ngumphefumlo wam. Ndamfuna, kodwa andamfumana.  Abalindi+ ababejikeleza isixeko bandifumana, ‘Khange nimbone na lowo uthandwa ngumphefumlo wam?’  Ndandisandul’ ukudlula kubo ndamfumana lowo uthandwa ngumphefumlo wam. Ndambamba, ndaza andamyeka ahambe, de ndamzisa endlwini kamama nakwigumbi  langaphakathi lalowo wandikhawulayo.  Ndiyanifungisa,+ zintombi zaseYerusalem, ngebhadikazi okanye ngexhamakazi lasendle,+ ukuba ningazami ukuluvusa okanye niluvuselele uthando olukum lude luzivukele ngokwalo.”+  “Yintoni na le nto inyuka isuka entlango njengemiqulu yomsi, iqhunyiselwa ngemore nangentlaka yokuqhumisa,+ nangalo lonke uhlobo lomgubo onevumba elimnandi lomrhwebi?”+  “Khangela! Sisingqengqelo sakhe, sesikaSolomon. Amadoda anamandla angamashumi amathandathu akumacala onke aso, avela kumadoda anamandla akwaSirayeli,+  onke aphethe amakrele, afundiswe imfazwe, ngamnye kuwo unekrele ethangeni lakhe ngenxa yokunkwantya ebusuku.”+  “Lithala awayezenzele lona uKumkani uSolomon ngemithi yaseLebhanon.+ 10  Iintsika zalo uzenze ngesilivere, izixhaso zalo ngegolide. Isihlalo salo sesoboya obudaywe bamfusa bubomvu, ngaphakathi silungiswe ngothando ziintombi zaseYerusalem.” 11  “Phumani nikhangele, zintombi zaseZiyon, uKumkani uSolomon enesidanga awasalukelwa+ ngunina+ ngomhla womtshato wakhe nangomhla wokuba nemihlali kwentliziyo yakhe.”+

Umbhalo osemazantsi