I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INgoma yazo iiNgoma 2:1-17

2  “Ndiyisafroni+ yethafa eliselunxwemeni,+ inyibiba yasentilini.”+  “Njengenyibiba phakathi kokhula olunameva, injalo intombazana eliqabane lam phakathi kweentombi.”+  “Njengom-apile+ phakathi kwemithi yehlathi, sinjalo isithandwa sam phakathi koonyana.+ Umthunzi waso ndiyawunqwenela, ndiye ndahlala phantsi apho, yaye isiqhamo saso simnandi kwinkalakahla yam.  Sandizisa kwindlu yewayini,+ nebhanile+ yaso phezu kwam yayiluthando.+  Ndihlaziyeni nina ngesicumba serasintyisi,+ ndixhaseni ngama-apile; kuba ndiyafa luthando.+  Isandla saso sasekhohlo siphantsi kwentloko yam; nesandla saso sasekunene—siyandiwola.+  Ndiyanifungisa,+ zintombi zaseYerusalem, ngamabhadakazi+ okanye ngamaxhamakazi+ asendle, ukuba ningazami ukuluvusa okanye ukuluvuselela uthando lwam lude luzivukele ngokwalo.+  “Khangela! Isandi sesithandwa sam!+ Siyeza,+ sinyuka ezintabeni, sixhumaxhuma ezindulini.  Isithandwa sam sifana nebhadi+ okanye nenkonyana lexhama. Khangela! Nasi simi emva kodonga lwethu, sondela ngeefestile, sikrwaqula ezikrobeni.+ 10  Isithandwa sam sindiphendulile saza sathi kum, ‘Phakama, ntombazana eliqabane lam, nzwakazi yam,+ yiza sihambe.+ 11  Kuba, khangela! ixesha lemvula+ lidlulile, izantyalantyala zemvula nazo ziphelile, zimkile. 12  Iintyatyambo zibonakele elizweni,+ ixesha kanye lokucheba umdiliya+ lifikile, nelizwi lehobe lasendle+ liviwe elizweni lethu. 13  Ke wona umkhiwane,+ uzuze umbala opheleleyo kumakhiwane awo okuqala;+ nemidiliya iyatyatyamba, iyinike ivumba lawo elimnandi. Phakama, yiza ntombazana eliqabane lam,+ nzwakazi yam yiza sihambe. 14  Owu hobe lam+ elisezingxondorheni zengxondorha, kwindawo efihlakeleyo yomnqantsa, ndibonise ubuso bakho,+ mandilive ilizwi lakho, ngokuba ilizwi lakho liyayolisa, ubuso bakho buyabukeka.’”+ 15  “Sibambeleni iimpungutye,+ iimpungutye ezincinane ezonakalisa izidiliya, njengoko izidiliya zityatyamba.”+ 16  “Isithandwa sam sesam yaye nam ndingowaso.+ Salusa+ phakathi kweenyibiba.+ 17  De iphole imini anabe amathunzi, jika,sithandwa sam; yiba njengebhadi+ okanye inkonyana lexhama phezu kweentaba zokwahlukana.

Umbhalo osemazantsi