I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INgoma yazo iiNgoma 1:1-17

1  Eyona ngoma ibalaseleyo+ kaSolomon:+  “Kwanga angandanga ngomlomo wakhe,+ ngokuba izincokoliso zakho zothando zilunge ngakumbi kunewayini.+  Kuba ivumba elimnandi leeoli zakho+ lilungile. Linjengeoli ethululwayo igama lakho.+ Kungenxa yoko le nto iintombi zikuthanda.  Nditsale;+ masibaleke. Ukumkani undingenise kumagumbi akhe angaphakathi!+ Masivuye size sibe nemihlali ngawe. Masithethe ngezincokoliso zakho zothando kunewayini.+ Bafanele ukukuthanda.+  “Ndiyintombi emnyama, kodwa ebukekayo, zintombi zaseYerusalem,+ njengeentente zakwaKedare,+ kanti njengamalaphu eentente+ zikaSolomon.  Musani ukundikhangela ngenxa yokuba ndife mnyama, ngenxa yokuba nditshiswe lilanga. Oonyana bakamama baba nomsindo kum; bandimisela ukuba ngumgcini wezidiliya,+ nangona esam isidiliya ndingasigcinanga.  “Khawundixelele, wena uthandwa ngumphefumlo wam,+ apho walusela khona,+ apho uyibuthisa khona imihlambi emini emaqanda. Kutheni ndifanele ndibe ngumfazi ozisongele ngezokuzila phakathi kwemihlambi yamaqabane akho?”  “Ukuba akwazi, wena ungoyena uyinzwakazi phakathi kwamabhinqa,+ phuma uhambe ngemikhondo yomhlambi uze udlise amatakane eebhokhwe ngaseminqubeni yabelusi.”  “Ndikufanise nemazi yam yehashe kwiinqwelo zikaFaro,+ ntombazana eliqabane lam.+ 10  Izidlele zakho ziyabukeka phakathi kwezo nwele zilukiweyo, intamo yakho phakathi kwamaso.+ 11  Siya kukwenzela iingcaca zegolide,+ kunye nengqukuva yokuhombisa yesilivere.” 12  “Lo gama ukumkani ekwitafile yakhe esisazinge inadusi+ yam isuka ikhuphe ivumba layo elimnandi.+ 13  Sinjengengxowa yemore+ isithandwa sam kum; siya kuchitha ubusuku phakathi kwamabele+ am. 14  Sinjengesihloko sehena+ isithandwa sam kum, phakathi kwezidiliya zase-En-gedi.”+ 15  “Khangela! Umhle, ntombazana eliqabane lam.+ Khangela! Umhle. Amehlo akho ngawamahobe.”+ 16  “Khangela! Umhle,+ sithandwa sam, yaye uyathandeka. Umandlalo wethu+ ngowamahlamvu. 17  Imiqadi yendlu yethu ezukileyo yimisedare,+ imiqadi yethu yeyemithi yejunipha.

Umbhalo osemazantsi