I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 99:1-9

99  UYehova uthe waba ngukumkani.+ Maziphazamiseke izizwana.+ Uhleli ezikherubhini.+ Mawugubhe umhlaba.+   UYehova mkhulu eZiyon,+ Yaye uphakamile phezu kwazo zonke izizwana.+   Mazibonge igama lakho.+ Likhulu yaye liyoyikeka, lingcwele.+   Kwaye ngamandla kakumkani uthande umgwebo.+ Wena ukumisele ngokuqinileyo oko kuthe tye.+ Wenze umgwebo nobulungisa kwaYakobi.+   Phakamisani uYehova uThixo wethu+ nize niqubude esitulweni seenyawo zakhe;+ Ungcwele.+   UMoses noAron babephakathi kwababingeleli bakhe,+ NoSamuweli wayephakathi kwabo babiza egameni lakhe.+ Babebiza kuYehova, yaye yena waqhubeka ebaphendula.+   Waqhubeka ethetha nabo ngomqulu welifu.+ Bazigcina izikhumbuzo zakhe nommiselo awabanika wona.+   Owu Yehova Thixo wethu, wena wabaphendula.+ Waba nguThixo oxolelayo kubo,+ Nophumeza impindezelo kwizenzo zabo ezibi.+   Phakamisani uYehova uThixo wethu+ Nize niqubude entabeni yakhe engcwele.+ Kuba uYehova uThixo wethu ungcwele.+

Umbhalo osemazantsi