Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 98:1-9

Uncuthu lwengoma. 98  Mvumeleni ingoma entsha uYehova,+Kuba ziyamangalisa izinto azenzileyo.+Isandla sakhe sasekunene, yona kanye ingalo yakhe engcwele, imzuzele usindiso.+   UYehova ulwazisile usindiso lwakhe;+Emehlweni eentlanga ubutyhilile ubulungisa bakhe.+   Ubukhumbule ububele bakhe bothando nokuthembeka kwakhe kwindlu kaSirayeli.+Zonke iziphelo zomhlaba zilubonile usindiso loThixo wethu.+   Dumani kuYehova ngoloyiso, nonke nina bantu bomhlaba.+Chwayitani, nimemelele ngovuyo, nicule uncuthu lwengoma.+   Culani uncuthu lwengoma kuYehova ngohadi,+Ngohadi nangelizwi loncuthu lwengoma.+   Ngamaxilingo nangesandi sesigodlo+Dumani ngoloyiso phambi koKumkani, uYehova.   Malududume ulwandle noko kuluzalisileyo,+Ilizwe elinemveliso nabo bahlala kulo.+   Imilambo mayiqhwabe izandla;Neentaba xa zizonke mazimemelele ngovuyo+   Phambi koYehova, kuba uze kugweba umhlaba.+Uya kuligweba ilizwe elinemveliso ngobulungisa+Nezizwana ngokuthe tye.+

Umbhalo osemazantsi