Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 97:1-12

97  UYehova uthe waba ngukumkani!+ Mawuvuye umhlaba.+Iziqithi ezininzi mazibe nemihlali.+   Ujikelezwe ngamafu nesithokothoko;+Ubulungisa nomgwebo yindawo ekumiswe kuyo itrone yakhe.+   Kuhamba umlilo phambi kwakhe,+Yaye udla iintshaba zakhe macala onke.+   Imibane yakhe ikhanyise ilizwe elinemveliso;+Umhlaba ubonile waza waba sezintlungwini eziqatha.+   Iintaba zanyibilika kanye njengomthwebeba ngenxa kaYehova,+Ngenxa yeNkosi yomhlaba uphela.+   Amazulu abuxelile ubulungisa bakhe,+Nazo zonke izizwana zibubonile ubuqaqawuli bakhe.+   Mababe neentloni bonke abo bakhonza nawuphi na umfanekiso oqingqiweyo,+Abo baqhayisa ngoothixo abangenaxabiso.+Qubudani kuye, nonke nina bothixo.+   IZiyon ivile yaza yanemihlali,+Needolophu eziphantsi kwayo zakwaYuda zavuya+Ngenxa yezigwebo zakho, Yehova.+   Kuba wena, Yehova, ungOyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke;+Uphakame kakhulu ekunyukeni kwakho ngaphezu kwabo bonke abanye oothixo.+ 10  Nina nithanda uYehova,+ kuthiyeni okubi.+Uyayilinda imiphefumlo yabanyanisekileyo bakhe;+Uyabahlangula esandleni sabangendawo.+ 11  Ukukhanya kulibengezelele ilungisa,+Nemihlali kwabo bathe tye entliziyweni.+ 12  Yibani nemihlali ngoYehova, nina malungisa,+Nize nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele.+

Umbhalo osemazantsi