Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 96:1-13

96  Mvumeleni ingoma entsha uYehova.+Mvumeleni uYehova, nonke nina bantu basemhlabeni.+   Mvumeleni uYehova, nilibonge igama lakhe.+Imihla ngemihla xelani iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe.+   Vakalisani uzuko lwakhe phakathi kweentlanga,+Phakathi kwezizwana zonke imisebenzi yakhe emangalisayo.+   Kuba mkhulu uYehova+ yaye ngowokudunyiswa kakhulu.Uyoyikeka ngaphezu kwabo bonke abanye oothixo.+   Kuba bonke oothixo bezizwana bangoothixo abangenaxabiso;+Kodwa yena uYehova, wenze wona kanye amazulu.+   Isidima nobungangamsha buphambi kwakhe;+Amandla nobuhle busengcweleni yakhe.+   Mnikeni uYehova, nina zintsapho zezizwana,+Mnikeni uYehova uzuko namandla.+   Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe;+Thwalani isipho, nize ezintendelezweni zakhe.+   Qubudani kuYehova nihombe ngobungcwele;+Yibani sezintlungwini eziqatha ngenxa yakhe, nonke nina bantu basemhlabeni.+ 10  Yithini phakathi kweentlanga: “UYehova ngukumkani.+Nelizwe elinemveliso limiselwe ngokuqinileyo khon’ ukuze lingabi nakushukunyiswa.+Uya kuligweba ityala lezizwana ngokuthe tye.”+ 11  Makabe nemihlali amazulu, nomhlaba uvuye.+Malududume ulwandle noko kuluzalisileyo.+ 12  Mayigcobe intsimi nako konke okukuyo.+Kwangaxeshanye yonke imithi yehlathi mayimemelele ngovuyo+ 13  Phambi koYehova. Kuba ufikile;+Kuba uze kuwugweba umhlaba.+Uya kugweba ilizwe elinemveliso ngobulungisa+Nezizwana ngokuthembeka kwakhe.+

Umbhalo osemazantsi