I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 95:1-11

95  Yizani simemelele ngovuyo kuYehova!+ Masidume ngoloyiso kulo iLiwa lethu losindiso.+   Masize phambi kwakhe sinombulelo;+ Masidume ngoloyiso kuye ngoncuthu lwengoma.+   Kuba uYehova nguThixo omkhulu+ NoKumkani omkhulu phezu kwabo bonke abanye oothixo,+   Lowo zisesandleni sakhe iingontsi zomhlaba+ Nalowo zizezakhe iincopho zeentaba;+   Lowo lulolwakhe ulwandle, olo yena walwenzayo+ Nozandla zakhe zawuyilayo umhlaba owomileyo.+   Ngenani, masinqule size siqubude;+ Masiguqe+ phambi koYehova uMenzi wethu.+   Kuba yena nguThixo wethu, thina singabantu bedlelo lakhe nezimvu zesandla sakhe.+ Namhlanje ukuba niyaliphulaphula ilizwi lakhe,+   Musani ukuyenza lukhuni intliziyo yenu njengaseMeribha,+ Njengemini yaseMasa entlango,+   Xa ookhokho benu bandicikidayo;+ Bandihlolisisa, bawubona umsebenzi wam.+ 10  Kangangeminyaka engamashumi amane ndaziva ndizothekile seso sizukulwana,+ Kwaye ndathi: “Basisizwana esitenxileyo ngentliziyo,+ Yaye bona abazazanga iindlela zam”;+ 11  Ndafunga ngabo ndinomsindo ndathi:+ “Abayi kungena endaweni yam yokuphumla.”+

Umbhalo osemazantsi