I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 94:1-23

94  Owu Thixo wezenzo zempindezelo, Yehova,+ Owu Thixo wezenzo zempindezelo, khawuqaqambe!+   Phakama, Mgwebi womhlaba.+ Buyisela impindezelo kwabo banekratshi.+   Kuya kude kube nini na abangendawo, Yehova,+ Kuya kude kube nini na abangendawo begcoba?+   Bayaqhubeka bempompoza, bayaqhubeka bethetha bengathintelwa;+ Bonke abaqhelisela okwenzakalisayo bayazigwagwisa ngeziqu zabo.+   Bayaqhubeka betyumza abantu bakho, Yehova,+ Nelifa lakho bayalixhwalekisa.+   Babulala umhlolokazi nomphambukeli,+ Namakhwenkwe angenayise bayawabulala.+   Bamana besithi: “UYa akaboni;+ NoTHIXO kaYakobi akaqondi.”+   Qondani, nina bangaqiqiyo phakathi kwabantu;+ Nina ke ziyathandini, niya kuba nayo nini na ingqiqo?+   Lowo utyala indlebe, akanakuva na?+ Okanye Lowo uyila iliso, akanakukhangela na?+ 10  Lowo ulungisa iintlanga, akanakohlwaya na?+ NaLowo ufundisa abantu ulwazi?+ 11  UYehova uyazazi iingcamango zabantu, ukuba zingumphunga.+ 12  Inoyolo indoda eyomeleleyo oyilungisayo,+ wena Ya, Naleyo uyifundisa umthetho wakho,+ 13  Ukuze uyinike ukuzola kwiimini zentlekele,+ Ade ambelwe umhadi ongendawo.+ 14  Kuba uYehova akayi kubashiya abantu bakhe,+ Engayi kulishiya nelifa lakhe.+ 15  Kuba isigwebo siya kubuyela kulo ilungisa,+ Yaye bonke abo bathe tye entliziyweni baya kusilandela. 16  Ngubani na oya kusukela phezulu kubo abenzi-bubi ngenxa yam?+ Ngubani na oya kundimela nxamnye nabo baqhelisela ukwenzakalisa?+ 17  Ngaphandle kokuba uYehova ebendinceda,+ Okwethutyana umphefumlo wam ubuya kuhlala uthule.+ 18  Xa ndithe: “Ngokuqinisekileyo unyawo lwam luya kutyibilika,”+ Ububele bakho bothando, Yehova, buqhubeka bundixhasa.+ 19  Xa iingcamango zam eziphazamisayo zaba ninzi ngaphakathi kwam,+ Intuthuzelo yakho yaqalisa ukuthuthuzela umphefumlo wam.+ 20  Iya kumanyana nawe na itrone ebangela iinkxwaleko+ Ngoxa iyila inkathazo ngommiselo?+ 21  Bawuhlasela kabukhali umphefumlo welungisa+ Yaye balivakalisa lingendawo negazi lomsulwa.+ 22  Kodwa uYehova uya kuba yindawo yam ephakamileyo enqabisekileyo,+ UThixo wam abe liliwa lokusabela kwam.+ 23  Uya kukubuyisela kubo ukwenzakalisa kwabo+ Yaye uya kubathulisa ngentlekele yabo.+ UYehova uThixo wethu uya kubathulisa.+

Umbhalo osemazantsi