I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 92:1-15

Uncuthu lwengoma, ingoma, ngemini yesabatha. 92  Kulungile ukubulela kuYehova+ Nokuculela igama lakho uncuthu lwengoma, wena ungOyena Uphakamileyo;+   Ukubuxela kwakusasa ububele bakho bothando+ Nokuthembeka kwakho ebudeni bobusuku,+   Ngesixhobo esineentambo ezilishumi nangesigingci,+ Ngomculo ohlokomayo wohadi.+   Kuba undenze ndanemihlali, Yehova, ngenxa yomsebenzi wakho; Ngenxa yomsebenzi wezandla zakho ndimemelela ngovuyo.+   Hayi indlela emikhulu ngayo imisebenzi yakho, Yehova!+ Iingcamango zakho zinzulu kakhulu.+   Akukho mntu ungaqiqiyo unokuzazi,+ Kungekho nasiyatha sinokukuqonda oku.+   Ekuhlumeni kwabo bangendawo njengotyani+ Nabo bonke abo baqhelisela okwenzakalisayo betyatyamba, Oko kukuze babhujiswe ngonaphakade.+   Kodwa wena uphezulu ukusa kwixesha elingenammiselo, Yehova.+   Kuba, khangela! iintshaba zakho, Yehova,+ Kuba, khangela! iintshaba zakho ziya kutshabalala;+ Bonke abo baqhelisela okwenzakalisayo baya kwahlulwa omnye komnye.+ 10  Kodwa uya kuluphakamisa uphondo lwam njengolo lwenqu;+ Ndiya kuzenza ndifume ngeoli entsha.+ 11  Neliso lam liya kukhangela ezintshabeni zam;+ Iindlebe zam ziya kuva ngabo kanye bandivukelayo, abenzi-bubi. 12  Ilungisa liya kutyatyamba njengesundu;+ Liya kukhula njengomsedare waseLebhanon.+ 13  Abo batyalwe endlwini kaYehova,+ Ezintendelezweni zoThixo wethu,+ baya kutyatyamba. 14  Baya kuqhubeka bechuma ebudeni bokuba nezimvi,+ Baya kuqhubeka betyebile yaye besiba nentlahla,+ 15  Ukuze baxele ukuba uYehova uthe tye.+ Yena uliLiwa lam,+ ekungekho ntswela-bulungisa kuye.+

Umbhalo osemazantsi