Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 91:1-16

91  Nabani na ohleli kwindawo efihlakeleyo+ yOyena Uphakamileyo+Uya kuzifumanela indawo yokulalisa emthunzini waLowo unguSomandla.+   Ndiza kuthi kuYehova: “Uyindawo yam yokusabela negwiba lam,+Thixo wam, endiza kukholosa ngaye.”+   Kuba yena uya kukuhlangula kwisibatha sombambisi weentaka,+Nakwindyikitya yokufa ebangela iinkxwaleko.+   Ngeentsiba zakhe uya kuthintela kungasondeli nto kuwe,+Wena uya kusabela phantsi kwamaphiko akhe.+Inyaniso yakhe+ iya kuba likhaka elikhulu+ nesikhuselo.   Akuyi koyika nantoni na eyoyikekayo ebusuku,+Nalutolo+ luphaphazelayo emini,   Nandyikitya yokufa ehamba esithokothokweni,+Nantshabalalo iphangayo emini emaqanda.+   Kuya kuwa iwaka ecaleni kwakhoNeshumi lamawaka ngasesandleni sakho sokunene;Kuwe akuyi kusondela nto.+   Uya kukhangela kuphela ngamehlo akho+Uze ubone impindezelo kwabo bangendawo.+   Ngenxa yokuba uthe: “UYehova uyindawo yam yokusabela,”+Wenze Oyena Uphakamileyo waba yindawo yakho yokuhlala;+ 10  Akukho ntlekele iya kukuhlela,+Nesibetho asiyi kusondela ententeni yakho.+ 11  Kuba iingelosi zakhe uya kuzinika umyalelo ngawe,+Ukuba zikulinde ezindleleni zakho zonke.+ 12  Ziya kukuthwala ngezandla zazo,+Ukuze ungabetheki ngonyawo lwakho kulo naliphi na ilitye.+ 13  Uya kunyathela phezu kwengonyama entsha nephimpi;+Uya kunyathelela phantsi ingonyama entsha enesingci nenyoka enkulu.+ 14  Ngenxa yokuba ebonise umsa wakhe kum,+Nam ndiya kumsindisa.+Ndiya kumkhusela ngenxa yokuba elazi igama lam.+ 15  Uya kubiza kum, yaye ndiya kumphendula.+Ndiya kuba naye ekubandezelekeni.+Ndiya kumhlangula ndize ndimzukise.+ 16  Ndiya kumanelisa ngemihla emide,+Yaye ndiya kumbangela akubone ukusindisa kwam.+

Umbhalo osemazantsi