I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 90:1-17

Umthandazo kaMoses, umntu kaTHIXO oyinyaniso.+ 90  Owu Yehova, wena uye waba yindawo yethu yokuhlala yokwenene+ Ebudeni bezizukulwana ngezizukulwana.+   Ngaphambi kokuba neentaba zizalwe,+ Okanye uzise ngokungathi kungenimba umhlaba+ nelizwe elinemveliso,+ Ukususela kwixesha elingenammiselo ukusa kwixesha elingenammiselo wena unguThixo.+   Umntu ofayo umbuyisela eluthulini,+ Kwaye uthi: “Buyani, nyana babantu.”+   Kuba iminyaka eliwaka emehlweni akho injengemini yezolo xa idlulile,+ Nanjengomlindo ebudeni bobusuku.+   Uye wabatshayela;+ baba bubuthongo nje;+ Kusasa banjengengca le itshintshayo.+   Kusasa iyatyatyamba yaye imele itshintshe;+ Ngokuhlwa iyabuna ize ngokuqinisekileyo yome.+   Kuba siyaphela ngumsindo wakho,+ Nangobushushu bakho siphazamisekile.+   Ubeke iziphoso zethu kanye phambi kwethu,+ Izinto zethu ezifihlakeleyo phambi kobuso bethu obuqaqambileyo.+   Kuba yonke imihla yethu ifikelele ekupheleni kwayo ngokuvutha komsindo wakho;+ Siyigqibile iminyaka yethu kanye njengokusebeza.+ 10  Imihla yeminyaka yethu yiminyaka engamashumi asixhenxe;+ Yaye ukuba ithe ngenxa yamandla akhethekileyo yangamashumi asibhozo,+ Ukuzingisa kwayo kusenkathazweni nakwizinto ezenzakalisayo;+ Kuba imele idlule ngokukhawuleza, siphaphazele simke.+ 11  Ngubani na owaziyo amandla omsindo wakho+ Nokuvutha komsindo wakho ngokokoyikeka kwakho?+ 12  Sibonise kanye indlela yokubala imihla yethu ngendlela+ Yokuba sizuze intliziyo yobulumko.+ 13  Buya, Yehova!+ Kuya kude kube nini na?+ Zisole ngenxa yabakhonzi bakho.+ 14  Sanelise kusasa ngobubele bakho bothando,+ Ukuze sibe nokumemelela ngovuyo size sibe nemihlali ebudeni bayo yonke imihla yethu.+ 15  Senze sibe nemihlali ngokulinganayo nemihla owasixhwalekisa ngayo,+ Iminyaka esibone ngayo intlekele.+ 16  Ngamana umsebenzi wakho ungabonakala kubakhonzi bakho+ Nobungangamsha bakho koonyana babo.+ 17  Ukuthandeka kukaYehova uThixo wethu makube phezu kwethu,+ Nomsebenzi wezandla zethu wumisele ngokuqinileyo phezu kwethu.+ Ewe, umsebenzi wezandla zethu, wumisele ngokuqinileyo.+

Umbhalo osemazantsi