I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 9:1-20

Kumalathisi weMute-labhen. Uncuthu lwengoma kaDavide. א [ʼA′leph] 9  Ndiya kukubonga, Yehova, ngayo yonke intliziyo yam;+ Ndiya kuyivakalisa yonke imisebenzi yakho emangalisayo.+   Ndiya kuba nemihlali ndize ndigcobe ngawe,+ Ndiya kulivumela uncuthu lwengoma igama lakho, wena ungOyena Uphakamileyo.+ ב [Behth]   Xa intshaba zam zijika,+ Ziya kukhubeka zize zitshabalale phambi kwakho.+   Kuba uwuphumezile umgwebo wam nebango lam;+ Uhleli etroneni ugweba ngobulungisa.+ ג [Gi′mel]   Ukhalimele iintlanga,+ umtshabalalisile ongendawo.+ Igama lazo ulisuse ukusa kwixesha elingenammiselo, nangonaphakade.+   Owu lutshaba, iziphanziso zakho zifikelele esiphelweni sazo esingunaphakade,+ Nezixeko ozincothuleyo.+ Nokukhankanywa kwazo kuya kutshabalala.+ ה [Heʼ]   Ke yena uYehova, uya kuhlala ixesha elingenammiselo,+ Amisele ngokuqinileyo itrone yakhe ukuze agwebe.+   Kwaye yena uya kugweba ilizwe elinemveliso ngobulungisa;+ Uya kuchophela amatyala amaqela eentlanga ngokuthe tye.+ ו [Waw]  UYehova uya kuba yindawo ephakamileyo enqabisekileyo kuye nabani na otyunyuziweyo,+ Indawo ephakamileyo enqabisekileyo ngamaxesha okubandezeleka.+ 10  Abo balaziyo igama lakho baya kukholosa ngawe,+ Kuba ngokuqinisekileyo akuyi kubashiya abo bakukhangelayo, Yehova.+ ז [Za′yin] 11  Mculeleni uncuthu lwengoma, uYehova, ohlala eZiyon;+ Zixeleni phakathi kwezizwana izenzo zakhe.+ 12  Kuba, xa ekhangela uphalazo-gazi,+ ngokuqinisekileyo uya kubakhumbula abo;+ Ngokuqinisekileyo akayi kusilibala isikhalo sabaxhwalekileyo.+ ח [Chehth] 13  Ndibabale, Yehova; yibone inkxwaleko yam ngenxa yabo bandithiyileyo,+ Owu wena undiphakamisayo emasangweni okufa,+ 14  Ukuze ndizivakalise zonke izenzo zakho zokudunyiswa+ Emasangweni+ entombi yeZiyon,+ Ukuze ndivuye ngosindiso lwakho.+ ט [Tehth] 15  Iintlanga zitshone emhadini eziwenzileyo;+ Unyawo lwazo lubanjiswe ngumnatha+ ebeziwufihlile.+ 16  UYehova waziwa ngomgwebo awuphumezileyo.+ Ngomsebenzi wezandla zakhe ongendawo urhintyelwe.+ Higayoni. Se′lah. י [Yohdh] 17  Abantu abangendawo+ baya kubuyela eShiyol,+ Kwanazo zonke iintlanga ezimlibalayo uThixo.+ 18  Kuba lowo ulihlwempu akayi kusoloko elityalwa,+ Nethemba lalowo ululamileyo aliyi kuze litshabalale ngonaphakade.+ כ [Kaph] 19  Vuka, Yehova! Umntu ofayo makangangqineki ongamile kuwe ngamandla.+ Mazigwetywe iintlanga phambi kobuso bakho.+ 20  Beka uloyiko kuzo, Yehova,+ Ukuze iintlanga zazi ukuba zingabantu abafayo.+ Se′lah.

Umbhalo osemazantsi