I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 88:1-18

Ingoma, uncuthu lwengoma yoonyana bakaKora. Kumalathisi owongamele iMahalati yokuphendula. IMaskili kaHeman+ umEzera. 88  Owu Yehova, THIXO wosindiso lwam,+ Emini ndiye ndadanduluka kuwe,+ nasebusuku phambi kwakho.+   Uza phambi kwakho umthandazo wakho.+ Kuthobele indlebe ukukhala kwam ndibongoza.+   Umphefumlo wam wanele ziintlekele,+ Yaye ubomi bam bufikile eShiyol.+   Ndibalwa phakathi kwabo behla baye emhadini;+ Ndinjengendoda eyomeleleyo engenamandla,+   Ndikhululekile phakathi kwabafileyo,+ Njengababuleweyo abalele kwindawo yokungcwaba,+ Ongasabakhumbuliyo Nabahluliweyo kwisandla sakho esiluncedo.+   Undibeke emhadini enzulwini, Kwiindawo ezimnyama, kwinzonzobila enkulu.+   Umsindo wakho undihlasele,+ Yaye ngamaza akho undixhwalekisile mna.+ Se′lah.   Ubashenxisele kude kum abandiqhelileyo;+ Undibeke ndayinto ecekisekayo kubo.+ Ndithintelekile yaye andinakuya phambili.+   Iliso lam lidangele ngenxa yokuxhwaleka kwam.+ Owu Yehova, imini yonke ndikubizile;+ Izandla zam ndizolulele kuwe.+ 10  Uya kubenzela na abo bafileyo into emangalisayo?+ Okanye baya kuvuka na abo bangenamandla ekufeni,+ Baya kukubonga na?+ Se′lah. 11  Buya kuvakaliswa kwindawo yokungcwaba na ububele bakho bothando, Ukuthembeka kwakho kwindawo yentshabalalo na?+ 12  Uya kwaziwa na ebumnyameni ummangaliso wakho,+ Okanye ubulungisa bakho kwilizwe lokulibala na?+ 13  Ukanti mna ke, Yehova, ndikhale kuwe ndicela uncedo,+ Nakusasa umthandazo wam uyakuhlangabeza.+ 14  Kutheni na, Yehova, ukuze ulahle umphefumlo wam?+ Kutheni na wamana ubufihla ubuso bakho kum?+ 15  Ndixhwalekile, ndingosele eza kubhubha ukususela ebukhwenkweni bam kuse phambili;+ Ndithwele izinto ezothusa kakhulu ezivela kuwe.+ 16  Ukuvutha komsindo wakho kudlule phezu kwam;+ Unkwantyo lwakho lundenze ndathi cwaka.+ 17  Lundingqongile njengamanzi imini yonke;+ Zindivingcele zonke ngaxeshanye. 18  Umshenxisele kude kum umhlobo neqabane;+ Abo ndibaqhelileyo bayindawo emnyama.+

Umbhalo osemazantsi