I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 87:1-7

Eyoonyana bakaKora. Uncuthu lwengoma. 87  Isiseko sakhe sisezintabeni ezingcwele.+   UYehova uwathanda ngakumbi amasango eZiyon+ Kunayo yonke iminquba kaYakobi.+   Kuthethwa izinto ezizukileyo ngawe, wena sixeko sikaTHIXO oyinyaniso.+ Se′lah.   Ndiya kumkhankanya uRahabhi+ neBhabhiloni+ phakathi kwabo bandaziyo; Nali elamaFilisti+ neTire, kunye noKushe: “Lo ngulowo wazalelwa apho.”+   Yaye kuya kuthiwa ngeZiyon: “Bonke bazalelwa kuyo.”+ Kwaye Oyena Uphakamileyo+ uya kuyimisela ngokuqinileyo.+   UYehova uya kuvakalisa, xa ebhala izizwana:+ “Lo ngulowo wazalelwa apho.”+ Se′lah.   Kuya kubakho neemvumi kwanabangqungqi abangqungqa bejikeleza, besithi:+ “Ikuwe yonke imithombo yam.”+

Umbhalo osemazantsi