I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 85:1-13

Eyomalathisi. Eyoonyana bakaKora. Uncuthu lwengoma. 85  Uyakholiswa, Yehova, lilizwe lakho;+ Ubabuyisile abo babethinjiwe bakaYakobi.+   Usixolele isiphoso sabantu bakho;+ Usigubungele sonke isono sabo.+ Se′lah.   Ukulawule konke ukuvutha komsindo wakho;+ Ubuyile ekuvutheni komsindo wakho.+   Sibuyise, Thixo wosindiso lwethu,+ Uze ukuyeke ukusiqumbela kwakho.+   Ngaba uya kuba nomsindo kuthi ukusa kwixesha elingenammiselo?+ Ngaba uya kuwolula umsindo wakho ukusa kwisizukulwana emva kwesizukulwana?+   Ngaba akuyi kusiphilisa kwakhona,+ Ukuze abantu bakho babe nemihlali kuwe?+   Sibonise, Yehova, ububele bakho bothando,+ Yaye ngamana ungasinika usindiso lwakho.+   Ndiya kukuva oko uTHIXO oyinyaniso uYehova aya kukuthetha,+ Kuba uya kuthetha uxolo kubantu bakhe+ nabo banyanisekileyo bakhe, Kodwa mabangabuyeli ekuzithembeni.+   Ngokuqinisekileyo usindiso lwakhe lusondele kwabo bamoyikayo,+ Ukuze uzuko luhlale elizweni lethu.+ 10  Ke bona ububele bothando nenyaniso, zihlangabezene;+ Ubulungisa noxolo—zangene.+ 11  Inyaniso iya kuhluma emhlabeni,+ Nobulungisa buya kukhangela phantsi busemazulwini.+ 12  Kwakhona uYehova uya kunikela okulungileyo,+ Nelizwe lethu linikele imveliso yalo.+ 13  Ngaphambi kwakhe kuya kuhamba ubulungisa,+ Benze indlela ngokunyathela kwakhe.+

Umbhalo osemazantsi