I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 84:1-12

Eyomalathisi weGititi.+ Eyoonyana bakaKora. Uncuthu lwengoma. 84  Hayi indlela othandeka ngayo umnquba wakho ozukileyo,+ Owu Yehova wemikhosi!+   Umphefumlo wam uphelile kukulangazelela iintendelezo zikaYehova.+ Intliziyo yam nenyama yam imemelela ngovuyo kuTHIXO ophilileyo.+   Kwanentaka iyifumene indlu, Nenkonjane yazifumanela indlwane, Apho iwabeke khona amantshontsho ayo— Isibingelelo sakho esizukileyo, Yehova wemikhosi, Kumkani wam noThixo wam!   Banoyolo abo bahlala endlwini yakho!+ Basaqhubeka bekudumisa.+ Se′lah.   Banoyolo abantu abamandla abo akuwe,+ Abasezintliziyweni zabo oohola bendlela.+   Abadlula entilini yamatyholo emibhaka,+ Bawajika abe ngumthombo; Umyaleli+ uya kuzisongela nangeentsikelelo.   Baya kuhamba ngamandla;+ Ngamnye ubonakala kuThixo eZiyon.+   Owu Yehova Thixo wemikhosi, wuve umthandazo wam;+ Ndibekele indlebe, Thixo kaYakobi.+ Se′lah.   Owu khaka lethu, bona, Thixo,+ Uze ukhangele ubuso bothanjisiweyo wakho.+ 10  Kuba imini ezintendelezweni zakho ilunge ngakumbi kunewaka kwenye indawo.+ Ndikhethe ukuma embundwini wendlu yoThixo wam+ Kunokuba ndizule kwiintente zobungendawo.+ 11  Kuba uYehova uThixo ulilanga+ nekhaka;+ Unikela ubabalo nozuko.+ UYehova akayi kubandeza nantoni na elungileyo kwabo bahamba ngokungenamposiso.+ 12  Owu Yehova wemikhosi, unoyolo umntu okholosa ngawe.+

Umbhalo osemazantsi