Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 83:1-18

Ingoma. Uncuthu lwengoma ka-Asafu.+ 83  Owu Thixo, musa ukuthula;+ Musa ukuqhubeka ungathethi, yaye musa ukuthi cwaka, Wena Ungokobuthixo.+   Kuba, khangela! iintshaba zakho ziyaxokozela;+ Nabo bakuthiye kakhulu bayiphakamisile intloko yabo.+   Ngobuqhokolo bagqugula ngabantu bakho;+ Yaye babenzela amayelenqe abafihliweyo bakho.+   Bathe: “Yizani masibatshayeleni njengohlanga,+ Ukuze igama likaSirayeli lingabuyi likhunjulwe.”+   Kuba bacebisene ngokumanyeneyo ngentliziyo;+ Benza umnqophiso nxamnye nawe,+   Iintente zikaEdom+ nezamaIshamayeli, uMowabhi+ namaHagri,+   UGebhali noAmoni+ noAmaleki, ElamaFilisti+ kunye nabemi baseTire.+   KwaneAsiriya izihlanganise nabo;+ Bayingalo koonyana bakaLote.+ Seʹlah.   Yenza kubo njengakwiMidiyan,+ njengakuSisera,+ NjengakuYabhin+ entlanjeni yaseKishon.+ 10  Babhujiswa e-Endore;+ Baba ngumgquba womhlaba.+ 11  Ke zona izidwangube zabo, ezi zenze zibe njengo-Orebhi noZehebhe,+ NanjengoZebha nanjengoTsalmuna zonke iindwalutho zabo,+ 12  Abathe: “Masizidle ilifa iindawo zokuhlala zikaThixo ngokwethu.”+ 13  Owu Thixo wam, benze babe njengesivuthe-vuthe sameva,+ Njengeendiza ngaphambi komoya.+ 14  Njengomlilo otshisa ihlathi+ Nanjengedangatye elitshisa iintaba,+ 15  Ngamana ungabasukela ngaloo ndlela kanye njengesivuthuvuthu+ Yaye ngamana ungabaphazamisa ngomoya wakho wesaqhwithi.+ 16  Buzalise ngehlazo ubuso babo,+ Ukuze abantu balifune igama lakho, Yehova.+ 17  Owu ngamana bangaba neentloni baphazamiseke ngamaxesha onke,+ Yaye ngamana bangadana batshabalale;+ 18  Ukuze abantu bazi+ ukuba wena, ogama linguYehova,+ Nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo+ phezu komhlaba wonke.+

Umbhalo osemazantsi